Balishumi elinanye(11) ngoku abantu ababhubhileyo logama belishumi elinesine(14) abafumene umonzakalo kwingozi yeBhasi netexi eyehle kuhola wendlela uR61 phakathi kweFlagstaff neLisikisiki.
Ingxelo epheleleyo ichaza ukuba, ibhasi nebinabakhweli abalishumi elinesibhozo(18) ebisuka eLusikisiki, iye yangquzulana nesithuthi esincinci sohlobo lwetexi. Letexi ibinabakhweli abalishumi elinanye.
Ngelishwa kuzo zombini ezizithuthi kubhubhe abantu abalishumi elinanye kuquka nabantwana ababini. Bonke bachazwe njengababhubhileyo kwindawo yexhwayelo.
Oyena nobangela walengozi awukaziwa okwangoku kodwa amagosa ezendlela asenza uphando oluthe vetshe. Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe.


