Ingozi isube imiphefumlo emithandathu(6) kuquka nenkwenkwana eneminyaka elithoba(9) ubudala.

Ngabantu abathandathu(6) ababhubhileyo ze konzakala abathathu(3) kwingozi yezithuthi ezimbini nezibandakanya iveni kunye nemoto yohlobo lwe(SUV) kuhola wendlela uR61 phakathi kweGraff Reinett kunye neCradock ngoLwesithathu umhla we(22/12/2021) emva kwemini.

Lemoto inkulu i(SUV) nebinabakhweli abasixhenxe(7) kuquka nomfana oselula oneminyaka elithoba(9 years) ubudala ibisuka eKapa, ngethuba ingquzulana neveni yeposi(courier van) ebinabakhweli ababini (2 amadoda) kwaye isuka kwicala laseCradock isingise eGraff Reinett.

Bane(4) ababekhwele kwi-SUV abhubhele kwindawo yexhwayelo (indoda enye1 kunye-3 yabasetyhini) kuquka nomkhweli kwi-courier van. Ngelishwa inkwenkwana eneminyaka elithoba(9) ubudala isweleke kukwenzakala kakhulu xa kanye ifika kwisibhedlele sase-Graff Reinett eMidlands.

Bobabini abaqhubi bezizithuthi baphakathi kwabo bafumana unyango esibhedlele. Kutyholwa ngelithi, ukuqhuba ngokungakhathali kubengunobangela wale ngozi.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eGraff reinet ukuze kuphandwe ngakumbi ngabasemagunyeni abohlukeneyo ukuze kufunyanwe oyena nobangela wengozi.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA