Abakwazanga ukuzibamba iinyembezi zovuyo akufika uSodolophu

USodolophu nosandulukubekwa esihlalweni eNgqushwa uCllr Sanga Siyabulela Maneli unikezele ngepasile zeKrisimesi kuluntu lwamakhaya angathathi ntweni, abanye bengenabazali kanye ngelixesha leholide zokuphela konyaka.

Oku kwenzeke kwiphulo obeluqalwe izolo zelaphumela kusuku olulandelayo apho kuye kwanikezelwa nangebhedi yokulala nguMsamariya olungileyo kwixhegokazi ebelityelelwe nguSodolophu izolo.

Ngamakhaya angaphaya kwamashumi elinesithandathu(16) ngokwahlukana kweelali zaseNgqushwa. Usodolophu ekhatshwa ngooCeba bakhe bebendwendwele ilali yaseDlovini, Durban, Peddie Extension, Luxolweni, Nyaniso, Feni, Cisira, Nobumba, Ntloko, Mabaleni, Mtati, Mgababa, Prudoe, Lower Qeto kunye neMgwalana apho bebenikeza ngokutya.

Ukanti umzi ngamye ubukwafumana ne(voucher) yothenga inyama kwavenkile kawonke-wonke eNgqushwa(boxer) Usodolophu uthi ikrisimesi mayifane neyomnye.

Xa ujonga kwimifanekiso akukho nzima ukubona ukuba oku kubelulutho kwezintsapho ingakumbi kwabo bangakwazanga ukuzobamba iinyembezi bakufumana ezizipho zokutya, ingakumbi kukhutshwa ingeloxesha lakukhankasa koko ukolula isandla eluntwini ngexesha elinzima kwabo basokolayo.

Umtu ngumtu ngabantu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA