Kubhubhe abantu ababini, abathathu bonzakala ngokumasikizi kwenye ingozi eyenzeke eMpuma Koloni.
Ingozi yamva nje ngoMgqibelo yenzeke kuhola wendlela uN10 eNxuba (eyayisakuba yiCradock) malunga neekhilomitha ezingama-25 ukusuka eCookhouse.
Olu ntlitheko yimoto yesithathu kwiindlela zaseMpuma Koloni kwisithuba seeyure ezilishumi elinesibini.
Isithethi sezoThutho ephondweni u-Unathi Binqose uthi ngentsimbi yeshumi ekuseni iRenault Sedan ebikhwele abantu abane, amadoda amabini nabasetyhini ababini, bagilane nelori i-Articulated enomqhubi kuphela.
Uthi umqhubi weSedan kunye nomkhweli wakhe oyindoda okhwele kwisihlalo esingaphambili basweleke kwindawo yexhwayelo.
Abasetyhini ababini ababekhwele imoto kunye nomqhubi welori bonzakele kakhulu kwaye basiwa kwisibhedlele esikufutshane.
Oku kubeka inani labantu ababhubhileyo ngoMgqibelo kwishumi emva kwengozi emanyumnyezi eyenzeke ku-M17 eGqeberha kunye nengozi eyehlayo kuhola weN2 ngaseGcuwa esube imiphefumlo yabathandathu kunye nababini ngokulandelelanayo.
Kutyholwa ngelithi ukudinwa nokuhamba ngesantya esiphezulu kube negalelo kwiingozi.
Ukanti isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthe kukho into ebonakalisa ngamandla ukuba utywala bubandakanyekile kwingozi yaseGqeberha eyenzeke kwindlela ephakathi kweMotherwell neKwazakhele emva kwentsimbi yokuqala ekuseni.
Amatyala okubulala ngokungenhloso ayaphandwa kwaye akukho magama abhubhileyo axeliweyo.

