12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

INgxelo ye-ATM ityhile iindaba ezothusayo ngezibhedlele zoMntla Kapa.

By Asemahle Mbete.

IAfrican Transformation Movement (ATM) ivakalisa inkxalabo enzulu nomsindo wayo ngokumalunga neziphumo ezikhutshwe yiHealth Ombud malunga neemeko ezimandundu zoMntla Koloni neSibhedlele seMpilo yeNgqondo kunye neSibhedlele iRobert Mangaliso Sobukwe.

Ingxelo igxininisa ukusilela kwenkqubo okukhokelele kwintlekele yeziphumo, kubandakanywa ukufa okunokuthintelwa kwezigulane zengqondo kunye nokubandezeleka okuqhubekayo kwabanye abaninzi.

Akwamkelekanga ukuba izigulana ezifuna ukhathalelo zihlangatyezwane neziseko ezingundoqo eziwohlokayo, ukunqongophala okukhulu kwabasebenzi, ukunqongophala kwezixhobo zonyango ezisisiseko. Iziphumo zolawulo olulambathayo, ubunkokeli obunganelanga, kunye nokungasebenzi kakuhle kolawulo kuwo onke amanqanaba luyothusa kwaye lubonisa inkqubo yokhathalelo lwempilo esengxakini.

IATM ithi icela uMphathiswa wezeMpilo ukuba athathe amanyathelo akhawulezileyo aqinisekise ukulungiswa kwale miba. IATM ibiza uphononongo olungxamisekileyo nolubanzi kunye nohlaziyo lweModeli yoLawulo lwezeMpilo kuMntla Kapa. Oku kubandakanya ukulungiswa kweenkqubo zokubonelela, ukuqinisekisa ukuba izibhedlele zigcwele ngokwaneleyo amayeza ayimfuneko kunye nezibonelelo.

Simema ukuba kuqeshwe ngokukhawuleza abaqeqeshi bezempilo abaqeqeshiweyo, kunye noqeqesho oluqhubekayo nenkxaso, ekufuneka ibekwe phambili ukujongana nokunqongophala kwabasebenzi kunye nokuphucula umgangatho wokhathalelo olubonelelwayo izigulane.

Ngaphezulu koko, i-ATM icela isicwangciso esibanzi sokulungiswa nokugcinwa kwezibonelelo zesibhedlele zigcinwe ukuze kuqinisekiswe ukuhlangatyezwa kwemigangatho efunekayo yokhathalelo lwezigulane. Oku kuquka ukubonelela okwaneleyo kunye nongxamiseko iinkonzo zokuthintela ezinye iintlekele.

Abo babandakanyeka kulawulo olugwenxa kunye nokusilela kwenkqubo kufuneka bathwaliswe uxanduva. Oku kuquka ukuqalisa iingxoxo zoluleko zabantu abafunyenwe benoxanduva lokungahoywa kunye nokungakwazi ukwenza umsebenzi, njengoko kugxininiswe kwingxelo yeOmbud.

Okokugqibela, iATM ithe ihlaba ikhwelo lokuba kusekwe indlela eyomeleleyo yokongamela ehlala ibeka esweni iimeko zesibhedlele kunye nomgangatho wokhathalelo lwezigulana ukuthintela
ukungakhathali okusele kwenzekile.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks