Inkampani yokhuseleko ibonelela ngomrhumo kuye nabani na onolwazi emva kokunyuka kohlaselo lakwa G4S eMpuma Koloni

Inkampani yokhuseleko, iG4S Cash Solutions inikezela ngewonga emva kokuhlaselwa kweemoto zayo ezithwala imali kwingingqi yaseMthatha kutsha nje.

Le nkampani inikezela nge-R100 000 “ngengcaciso ethembekileyo, eluncedo” enokuthi ikhokelele ekubanjweni, kutshutshiswe, kwaye kugwetywe izaphuli-mthetho ezibangele uhlaselo lwaseMpuma Koloni.

UMlawuli oPhetheyo, uAmit Devir, uthe kwezi nyanga zintathu zidlulileyo kukho ukwanda “okubonakalayo” kohlaselo ngakulenkampani eMpuma Koloni.

“Uhlaselo lwemoto izithuthi imili kwa G4S luya lusiba nobundlobongela, nto leyo ebeka abantu bethu kunye noluntu esichengeni.

Sifuna uluntu lwasekuhlaleni kunye nabani na onolwazi olunxulumene nolu hlaselo ukuba eze ngaphambili ukuze asincede nabezomthetho babambe ezi zigebenga,” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA