13.2 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

USteenhuisen uphehlelele umqulu wezithembiso weDA eMpuma Koloni

Inkokeli yeDemocratic Alliance uJohn Steenhuisen uthi lo mbutho unesicwangciso sokuhlangula uMzantsi Afrika ingakumbi iMpuma Koloni.

Ebethetha ngethuba esungula umqulu wezithembiso walo mbutho ephondweni ngoLwesithathu eWest End kwingingqi yaseGqeberha.

Ebekhatshwe yinkokeli yephondo leMpuma Koloni uAndrew Whitfield nezinye iinkokeli zombutho.

“I-ANC ijike eli phondo ukusuka ukuba lithemba yalijika kwaba liphondo lendlala,” utshilo uSteenhuisen.

Imiba engundoqo kumqulu wezithembiso weDA iquka ukushukuxa umba wokungondleki kwabantwana eMpuma Koloni, nolwaphulo-mthetho ingakumbi kwimimandla esemantla esixekweni.

“Abantwana babhuqwa yindlala, kwaye iDA izakunyusa imali yesibonelelo sabantwana ngeR250, ihlise irhafu kwiimveliso ezithile ukuze abazali bathenge babeke ukutya kwabantwana babo etafileni.

Uthe kwiinyanga nje ezimbalwa ezidlulileyo, ngaphandle kwaseGcuwa, umama oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo ubudala waxuba ityhefu yeempuku nokutya awayekugqibele endlwini yakhe, waza wondla abantwana bakhe abathathu abancinci abalambileyo phambi kokuba azixhome.

“Imizimba yento eyayikade ilusapho oluhle yafunyanwa emva kweentsuku emva kokuba umqokeleli wamatyala awayeguqukele kuye njengenzame yokugqibela yokugcina usapho lwakhe luphila, wafika emnyango.

“Eli lelinye nje lamabali alusizi amawaka eentsapho ezilala zingatyanga qho ebusuku kweli phondo,” utshilo uSteenhuisen.

Ukuyilungisa le meko, uthe kwangoko emva kolonyulo urhulumente weDA uza kuzalisekisa isindululo seKomishini yamaLungelo oLuntu sokuba ibhengeze indlala eMpuma Koloni njengentlekele ngokomthetho wolawulo lweentlekele.

Inkokeli yeDA ithe oku kuya kukhulula izibonelelo ezidingekayo ukuze kufumaneke ukutya okuninzi kwizisu zabantwana neentsapho ezilambileyo.

“Isicwangciso sohlangulo seDA sikwabandakanya ukonyusa isibonelelo senkxaso-mali yabantwana ukuya kutsho kwi-R760 ngenyanga.

“Kodwa impendulo yethu ekhawulezileyo kule ngxaki izakuhambela phambili.

USteenhuisen uthe isicwangciso sabo sokuhlangula siya kufezekisa oku ngokwandisa inani lezinto zokutya ezingahlawulelwayo kwiRhafu yeXabiso eyoNgezelelweyo, athe “ngokukhawuleza kukhokelela ekuthotyweni kwe-15% yeendleko zezinto eziyimfuneko, kubandakanywa ukutya komntwana, iimbotyi, kunye neenkukhu.”

Ebhekisa kumba wolwaphulo-mthetho, ingakumbi kwimimandla esemantla eNelson Mandela Bay, uthe iDA iceba ukufumana abakhi-mkhanyo abalwa ulwaphulo-mthetho abaninzi.

Ebuzwa ukuba ngaba ucinga ukuba kukho amapolisa aneleyo aqeshelwe ukuphumeza isicwangciso sakhe sobupolisa obubonakalayo, uphendule wathi: “Hayi, Asinabasebenzi abambalwa kwaye amapolisa alwa nolwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo. Izixhobo ezifana ne-shot spotters, i-drone Imifanekiso eshukumayo, kwaye ubupolisa obukhokelwa bubuntlola kufuneka ibe yindlela esiqhuba ngayo ukulwa ulwaphulo-mthetho.” utshilo

Ebuzwa ngesizathu sokuba lo mbutho ubonakale ujolise kwiindawo ezisemantla emva kokuba ubambe iphulo lepowusta eGelvandale kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, uthe: “Le yindawo yokuvota, abantu abafanayo abachithe iivoti zabo ngexesha lokugqibela. ”

Ukwakhuthaze abantu ukuba bavotele iDA nanjengoko ingumbutho onomnqweno wokuhlangula abantu baseMpuma Koloni.

Uvale ngelithi uzakundwendwela oomasipala abambaxa belizwe kwakunye nakwiindawo ezisemaphandleni zeli phondo phambi kokuba abuyele eNelson Mandela Bay phambi konyulo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
13.2 ° C
13.2 °
13.2 °
89 %
5.2kmh
100 %
Thu
13 °
Fri
17 °
Sat
19 °
Sun
17 °
Mon
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks