Umbutho weNational Union of Metalworkers of South Africa (Numsa) uthi ujonge ukucela umngeni kwisithintelo esenziwe yiRoad Accident Fund (RAF) sokumisa ugwayimbo olucetywayo kwii-ofisi zale ngxowa-mali.
Lo mbutho ubuzakumatsha ngokuchasene nengqonyela yeRAF, uCollins Letsoalo ngezityholo zokuphatha kakubi iziko ngoLwesine.
Isithethi seNumsa kuzwelonke, uPhakamile Hlubi-Majola, uthi nangona bekholelwa ukuba inkqubo elandelwayo xa kunikwa isithintelo ibingekho mgangathweni, babongoza amalungu abo ukuba ayithobele.
UHlubi-Majola uthi, “Sithathe isigqibo sokuba siza kuwucela umngeni lo mthetho ngokukhawuleza. Sifumene oku emva kwexesha ngentsimbi yesi-9 ebusuku phezolo. Amagqwetha ethu enza konke okusemandleni ukukhusela ilungelo lamalungu ethu lokugwayimba.”
“Sibanike isaziso soqhankqalazo ngoMvulo, uqhankqalazo bekufanele ukuba luqale ukusukela namhlanje kodwa ngenxa yesithintelo, sinoxanduva njengemanyano yabasebenzi ukuqinisekisa ukuba amalungu ethu ayasihlonipha isithintelo, sigxininise kubasebenzi ukuba mabakholise, bathobele isithintelo kwaye baqinisekise ukuba basemsebenzini namhlanje, ”utshilo.