INkqubo iUzalo, isamile ukusebenza ngenxa yeengaxaki zemali.

By Sophumelela Singqota.

I-Stained Glass TV, enye yezindlu eziphambili zemveliso zikamabonakude eMzantsi Afrika, ibhengeze ukunqumama okwethutyana kwiimveliso ngenxa yokunqongophala kwemali. Esi sibhengezo senziwe ngememorandam ekhutshelwe bonke abasebenzi kunye nabadlali ngomhla wesine (04) kweyeThupha 2025.

IMemo, esayinwe ngamagama abalulekileyo uGugu, uTheo, kunye noPepsi, bathi ukumisa kwimveliso kuye kwenzeka ngokukhawuleza, bechaza ubunzima bezemali njengesizathu esiphambili.

“Silusizi ukunazisa ukuba, ngenxa yemiqobo enzima yokuhamba kwemali, sinyanzelekile ukuba sinqumamise imveliso ngokukhawuleza,” ifundeka kanje imbalelwano.

Le nkampani iqinisekise iqela layo ukuba lizibandakanya neQumrhu loSasazo loMzantsi Afrika (SABC) ukusombulula lo mba ngokukhawuleza. “Siyayiqonda impembelelo oku enayo kuni kwaye sihleli sizibophelele ekukugcineni ninolwazi,” iqhubekile yatsho.

I-Stained Glass TV ivakalise umbulelo ongazenzisiyo ngokuzinikela kunye nobuchule babasebenzi bayo ngeli xesha linzima.

Ukunqumama kwemveliso kuphakamisa inkxalabo malunga nekamva lemiboniso phantsi kwebhanile yenkampani, njengoko sisazi ukuba uninzi lwabantu luyakonwabela ukubukela le nkqubo.

Olunye uhlaziyo lulindelekile njengoko uthethathethwano nenkqubela phambili ne-SABC lusaqhubeka.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA