UMbalula uthi iANC ayizukuyilahla iBEE.

By Buhle Nomgalasa.

Ukusukela ngomhla wesixhenxe (7) kweyeThupha 2025, zonke iimpahla zaseMzantsi Afrika ezithunyelwa eMelika ziya kuthotywa ngomrhumo womyinge wamashumi (30%) eepesenti. Ngelixa ezi ntlawulo ziza kusebenza kumazwe aliqela kwihlabathi jikelele, iANC ithe ikholelwa ukuba uMzantsi Afrika wohlwaywa ngeminye yemithetho yayo.

UMbutho we-African National Congress (ANC) uthi awuzukuyilahla imigaqo-nkqubo yenguqu efana ne-BEE kunye noMthetho wokuThwalwa komhlaba nokuba oko kuthetha ukuba iinkokeli zayo ziya kufumana isohlwayo ngurhulumente waseMelika.

Ukusukela ngomhla wesixhenxe (7) KweyeThupha, zonke iimpahla zaseMzantsi Afrika ezithunyelwa eMelika ziya kuthotywa ngomrhumo wamashumi amathathu eepesenti (30%). Ngelixa ezi ntlawulo ziza kusebenza kumazwe aliqela kwihlabathi liphela, kwindibano noonondaba ngoLwesithathu, iANC ithe ikholelwa ukuba uMzantsi Afrika wohlwaywa ngeminye yemithetho yayo.

Ebutsheni balo nyaka, uMongameli waseMelika uDonald Trump waxoka ngelithi urhulumente woMzantsi Afrika usebenzisa uMthetho wokuHluthwa koMhlaba ukuze ahluthe umhlaba kumafama amhlophe. Ngenyanga kaTshazimpuzi, usopolitiki onengxwabangxwaba kwiRiphabhlikhi, uRonny Jackson, wazisa umthetho oyilwayo kwinkongolo efuna ukuphonononga ubudlelwane be-USA noMzantsi Afrika kwaye wohlwaya amagosa “anobuqhophololo” weANC.

UNobhala jikelele weANC uFikile Mbalula uthe ulawulo lukaTrump lubonakala luzimisele ukungathethisani ngokunyanisekileyo.

“Ngoko ke kukusinyanzela ukuba senze izinto ezichasene nenguqu. Ukuba kuthetha ukuba siza kubandezeleka ngenxa yezohlwayo, njengeenkokeli zeANC, makube njalo. Asisokuze sixhase ama impiriyali. Asoze sililahle ilizwe lethu esasililwela ukuba likhululeke.”

UMbalula uvumile ukuba imirhumo yaseMelika izakuba nefuthe elibi kakhulu kuqoqosho lwelizwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA