INkundla ePhakamileyo ikhabe ngawo omane i-SIU kwityala leYunivesithi yaseFort Hare ngenxa yokunganxibelelani kwamagqwetha, uPhando luyaqhubeka.

ICandelo loPhando eliKhethekileyo (SIU) liqaphela umyalelo weNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, eBhisho malunga nophando lweSIU malunga nezidanga zeMasters kwiDyunivesithi yaseFort Hare.

Umyalelo weNkundla ePhakamileyo, womhla we-04 kweyeSilimela ngo-2024, ukukhabile ukuzithethelela kweSIU kumbandela owawuziswe yiNkulumbuso uOscar Mabuyane.

Kwakukho unxibelelwano olungalunganga olwenzekayo xa kwakukho utshintsho lwamagqwetha kwaye inkundla ayizange ixelelwe ngexesha, okubangele lo myalelo. I-SIU iza kuphanda umba onxulumene nokunganxibelelani kakuhle ngokumalunga noku.

I-SIU inqwenela ukuqinisekisa uluntu ukuba bazakuphonononga zonke iindlela zomthetho, kubandakanywa nokulungiswa kwesi siBhengezo. Uphando ngemicimbi yeDyunivesithi yaseFort Hare luyaqhuba, kwaye bazakunxibelelana ngeziphumo ngexesha elifanelekileyo.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA