18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

USAQHUBA NESICELO SEBHEYILE UTATA ODLWENGULE WAMITHISA INTOMBI YAKHE NGOKOMTHETHO KUQOBOQOBO.

Indoda eneminyaka engamashumi amane nesithandathu (46) ubudala netyholwa ngokudlwengula ze yamithisa intwazana eneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala, nezalwa yinkosikazi yayo lendoda, isaqhuba nokufaka isicelo sebvheyile kwinkundla kaMantyi eKeiskammahoek.

Le ndoda ivelile kule nkundla ngoLwesibini umhla wesine (04/06/2024) laza ityala lamiselwa umhla we-10/06/2024.

Le ngxelo iqinisekiswe ngumnumzana uLuxolo Tyali osisithethi seNPA kweliphondo leMpuma Koloni.

Isizathu sokulibaziseka kukuba kusazanywa ukuba kubekho uMantyi noMtshutshisi osuka ngaphandle, oku kwenzelwa ukunqanda ukungquzulana komdla kuba kaloku lomfo ukwasebenza njengo mabhalana kulenkundla kaMantyi waseQoboqobo.

Umntana sele enenyanga ezintandathu (6) ezithwele, nto leyo edale isankxwe nokubethabethana kwezimvo kwindaba yokumkhupha umntana.

Ityala lisaqhubekeka.

By Ongeziwe Ntondini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks