Inkundla yengingqi yaseNew Brighton igwebe inkwenkwana yaseVeeplaas eneminyaka elishumi elinesihlanu (15) ubudala ngokubulala umntwana oneminyaka elishumi elinesibhozo (18), okwenzeke ngomhla wesine kweyeThupha ngo2023 eGovan Mbeki, eGqeberha. Lo mntwana uzivumile izityholo, wavuma ukuba wabulala ixhoba ngokungekho mthethweni nangokungaqondanga ngokulihlaba izihlandlo ezininzi ngemela.
Ngokwengxelo yesicelo sale nkwenkwana, ngomhla wesiganeko, wayekunye nabahlobo bakhe abathathu, omnye kubo ingumfi. Babebuya kutyelela umhlobo wabo eKleinskool xa bedibana nomntu abamaziyo. Emveni koko, kuye kwakho ungquzulwano phakathi kwabo, ummangali ongasekhoyo wabaleka emva kokugrogriswa ngulo mntu badibene naye njengoko ummangali ebone umpu esinqeni sakhe. Abahlobo abathathu abashieyekele ngasemva baya kukhangela ummangali, benenjongo yokufumana ezi ziyobisi, i-tik ababeyithenge ngaphambili. Bathe bakumfumana babuza ukuba ziphi eziziyobisi, waze ummangali waphendula ngelithi usitshayile.
Imeko iye yaqatsela xa umfi ekhupha imela egrogrisa ngokuhlaba iintanga zakhe. Ngenxa yoko, umntwana owayeneminyaka elishumi elinesine (14) ubudala ngelo xesha, kunye noogxa bakhe bamgibisela ngamatye, yawa imela. Ngexesha lengxwabangxwaba eyalandelayo, balihlaba izihlandlo ezininzi ixhoba, kwaye nalenkwenkwana incinci yathatha imela yahlaba nayo.
Eli qela libalekile kwindawo yexhwayelo emva kokubona iveni emhlophe isiza, ishiya umzimba wexhoba. Lowo wayehamba nomntwana uye wasweleka ngenxa yeemeko ezinganxulumananga phambi kokuba kuqaliswe ityala.
Ekuthatheni ingqalelo ubudala bomntwana, kwakunye newonga lakhe njengomoni wokuqala, inkundla iye yamgweba ngokuyomhlalisa eBurgerdorp Child and Youth Centre, ngokweCandelo lama-76(1) loMthetho woBulungisa obunxulumene naBantwana wama-75 ka-2008. Unontlalontle uya kubeka esweni iintshukumo zakhe aze kunikwe ingxelo enkundleni ngenkqubela yakhe.
Umtshutshisi u-Anske Vermaak uvakalise ukuba isigwebo kufuneka sibonise ubunzulu bolwaphulo-mthetho, ngelixa sikwathetha nemvelaphi yomntwana. Uye waphawula ukuba umntwana ubonakalise ukuziphatha kakubi ukusukela kwiminyaka elishumi elinesibini (12) kwaye ehlala nomakhulu wakhe owalupheleyo, owayengasenako ukumohlwaya. Waqala ukutshaya intsango wadlulela kwiCocaine. Umtshutshisi ugxininise imfuno yokuvuselelwa okucwangcisiweyo ukunceda umntwana omncinci afumane izakhono eziyimfuneko kwikamva lakhe. Uphinde wakhumbuza inkundla indlela ukufa kwexhoba lakhe okulichaphazele kakubi ngayo usapho lwakhe.
UMlawuli woTshutshiso lwaseMpuma Koloni, uMnu Barry Madolo, usamkele isigqibo senkundla, esithi: “Esi siphumo sibonisa ukuzibophelela kwenkqubo yezobulungisa ekuthatheni abenzi bobubi ukuba baphendule ngeli lixa ilinganisa iimfuno zokubuyiselwa kwisidima sabaphuli-mthetho abaselula. Akufunekanga sijongane neziphumo zezenzo zolwaphulo-mthetho kuphela kodwa kwanemiba esisiseko enegalelo kubunjubaqa babantwana”.

