UCinga Dyala, olilizwi elikhulayo loncwadi kwindawo yaseNdevana eMpuma Koloni, ubhale incwadi ekhuthazayo esihloko sithi A Black Girl With Big Dreams. Le ncwadi kaDyala, ayoncwadi nje yeenkumbulo kodwa lilizwi labo badala nabancinci abakhulela kwiindawo ezisilelayo ukukhulisa iitalente kunye namaphupha abo.
Ukukhula kukaDyala emaphandleni, apho uphuhliso lobuchule lwaphantse ukungabikho, lwaba yintlantsi yakhe eyabangela ukuvutha kothando lwakhe lokubhala.

“Isihloko sale ncwadi yimbonakaliso ethe ngqo yendlela ingqondo yam eyayisebenza ngayo xa ndandisengumntwana,” uchaze watsho. “Bendinamaphupha amaninzi amakhulu kodwa bendingenazo iindawo kunye namaqonga apho bendinophuhlisa ulwazi lwam okanye ukukhula nje ngomntu.”
Le ncwadi isekelwe kumava obuqu. UDyala uphalaza imbilini yakhe ngohambo olubuhlungu lokutyhafiswa ekubeni aqhubeke nomnqweno wakhe wokubhala emva kokuphumelela ibanga leshumi.
“Kwafuneka nditsiba-tsiba ukusuka kwelinye ikhondo lomsebenzi ukuya kwelinye, ndizama ukuzifumana ndikwiindawo endandisazi ukuba andingeni ndawo kuzo, ukuze nje ndikholise usapho lwam,” ukhumbula oku.

Nangona kukho ubunzima, uDyala uyibhale le ncwadi ecinga ngabafundi abohlukeneyo. Uthi: “Ulutsha ngabona bantu ndijolise kubo. Elona nqanaba apho inkqubo yokuzazi iqala khona. Ndifuna bayazi ukuba bangawafezekisa amaphupha abo, nokuba basuka phi na.”
Ukwanethemba lokuba le ncwadi iya kuhambelana namagcisa amadala awayekhe anamaphupha kodwa awafezeka, abazali abakhulisa abantwana abanobuchule, kunye nootitshala bezoBugcisa.
“Abanye abantwana baya kuzitshona ezinye izifundo kodwa baphumelele kwizifundo zoBugcisa,” ugxininise watsho.
Le ncwadi ijongana nemixholo ebalulekileyo efana nokuzazi, ukuzithemba, kunye namabhongo, ingakumbi ukuba yintombazana eNtsundu ephila kuluntu olungaxoleliyo. “Ibonisa ngokucacileyo indlela abantwana abaNtsundu abangathathi ntweni bephela bebangamaxhoba eziganeko ezenzeka kuluntu lwethu.”
Ngexesha ebhala le ncwadi uDyala uthi kwakuyinkqubo yeemvakalelo zobomi bakhe eselula. “Ndandihleka indlela endandiyiyo ndiselula, ndinomdla wokwazi. Ezinye izinto kwakubuhlungu kakhulu ukuzibhala, njengoko zazinyanzela ukuba ndikhumbule izahluko ezinzima zobomi bam.”
Kodwa umyalezo afuna ukuba abafundi bawuqonde ngowethemba kunye nokuxhobisa.
Njengombhali osemncinci omnyama, uDyala uwubona umsebenzi wakhe njengendlela yokubumba amabali axhobisayo malunga nobuntombi bomntu omnyama. “Amava am andenza ndenze indawo ekhuselekileyo yamantombazana aselula kwaye afumane amandla nokhuthazo,” utshilo.

Ukubona indlela incwadi yakhe eyamkelwe ngayo imenze wanombulelo omkhulu. Le ncwadi iye ke yakhethelwa ukusungulwa kuMnyhadala woNcwadi weSizwe wezoBugcisa waseMakhanda ngo-2025, uphawu olucacileyo lokuba ibali lakhe livakala ngokubanzi.
Ejonge phambili, uDyala uceba ukusebenzisa le ncwadi njengesixhobo sokukhuthaza inkcubeko yokufunda, ingakumbi kulutsha.
“Njengomqeqeshi wokufunda nokubhala, ndifuna ukuyifaka le ncwadi ezandleni zabantu abafanelekileyo ukuze ifezekise injongo yayo. Ndijonge ukuchukumisa kunye nokutshintsha ubomi ngelixa ndiphilisa iindawo kum ezisafuna ukuphiliswa,” utshilo.
UCinga Dyala unika ilizwi kwabo bangenalizwi, esikhumbuza ukuba indawo apho sisuka kuzo mazingaze zichaze apho siya khona.

