IPalamente ifuna ukubona iCGE ibonakala ngakumbi, inefuthe kwaye isebenza kakuhle kwindima yayo.

By Asemahle Mbete.

USihlalo weKomiti yePalamente ejongene nabasetyhini, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo, uLiezl van der Merwe, uthe iPalamente ifuna ukubona iKhomishoni yeNgqinelwano yamaThuba (CGE) ibonakala ngakumbi, inefuthe kwaye isebenza kakuhle kwindima yayo.

IKomiti yePalamente iya kufuneka iphinde iqale umsebenzi wekomiti yangaphambili ngokukhangela abakhomishinala abahlanu abatsha, emva kokuba iNkundla yoMgaqo-siseko ngoLwesihlanu, umhla wokuqala (01) kweyeThupha 2025, igqibe ngokuba inkqubo yangaphambili ayikhomthethweni ngenxa yokungabikho kwenkqubo eyaneleyo yokubandakanya uluntu.

ULiezl van der Merwe uthe le komiti iya kudibana ekuqaleni ukuze icwangcise indlela eya phambili.

Uqhube wathi le komiti iza kuphonononga isigwebo senkundla yoMgaqo-siseko esiphume ngoLwesihlanu ukuze iqinisekise ukuba iyawufikelela umhla wokugqibela wokunyula abakhomishinala abatsha ngaphambi kokuba kuphele unyaka.

Kodwa uthe le komiti sele iyiphucule inkqubo yokubandakanya uluntu xa bekukhethwa amalungu eBhodi yeNational Youth Development Agency (NYDA) kutshanje.

ULiezl van der Merwe uthe le komiti ixhalabile malunga nokuba iingcebiso ezenziwa yiCGE azinyanzelekanga, kwaye nokuba abantu, ingakumbi abaku maphandle, banokungakwazi ukufikelela kule khomishoni.

“Ndicinga ukuba xa siqala kwakhona inkqubo yokukhangela abantu abatsha baza kusebenza kwiCGE, siza kuthi siyiveze la miba ukuze sifikelele kwimvume eqhelekileyo malunga nendlela esifuna ukuqhuba ngayo iCGE phantsi kolawulo lwePalamente yesixhenxe.”

Abakhomishinala abahlanu, kuquka usihlalo kunye nonobhala wakhe, bayachaphazeleka kwesi sigwebo senkundla, nangona inkundla yathi oku akuyiyo into ethetha ukuba abafanelekanga ukuba basebenze kwezi ndawo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA