IPalamente iqalise uphando lokulwa udlwengulo lwamantombazana aselula.

By Esona Magawana

Komiti yeMicimbi yeSebe kuLutsha lwabaseTyhini kunye naBantu abaKhubazekileyo iqukumbele inqanaba lokuqala lokuthethathethana nabachaphazelekayo malunga nodlwengulo olusemthethweni olubandakanya amantombazana aselula (Statutory Rape).

Uthethathethwano lwenzeke eMonti kwaye luquke amagqabantshintshi aphuma kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) kunye neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA).

Ngokweenkcukacha ezithiwe thaca ngamapolisa(SAPS) kukho amatyala odlwengulo olusemthethweni angamashumi amathathu anantathu (33) abhalwe ngoku kwaye bangamashumi amabini (20) ababanjiweyo ukanti amatyala alishumi elinanye (11) aye arhoxiswa ngaphambi kokuba asiwe enkundleni, amatyala alishumi elinantathu (13) ayaxoxwa enkundleni. Iziphumo ziveze ukuba amahlanu (5) aye arhoxiswa ngexesha lokuxoxwa kwetyala, ngelixa abatyholwa abathathu (3) bagwetywa.

Ngokuphawulekayo, amatyala alishumi elinanye (11) akakhange atshutshiswe,kwaye elinye (1) kwagqitywa ukuba libubuxoki.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA