Iphelile iDSTV Premiership endaweni yakhe nguBetway Premiership

IPremier Soccer League ityikitye isivumelwano senxaso yentsebenziswano nenkampani yokungcakaza uBetway nozakuthatha apho bekuyeke khona nguDSTV. Esisibhengezo senziwe ngumphathi wePSL uDr Irvin Khoza.

Ngethuba kubanjwe inkomfa nonondaba izolo ulwesithathu umhla wamashumi amabini anesine(24) kweyeKhala kwikomkhulu leligi eParktown, usihlalo wePSL wazise ngeBetway Premiership nezakuthi iqale ngomhla weshumi(10) kwinyanga yoMsintsi.

Nangona uBetway Premiership ezakuqala kwiveki ezintandathu(6) ezizayo kodwa ngokwengxelo yosihlalo yePSL iMTN8 yona iyaqala ngomhla wesithathu(03) kulenyanga izayo inyanga yeThupha.

Ngokutsho kukaKhoza inxaso yeBetway neyasungulwa eMalta ixabisa izigidi zeerandi ezingamakhulu alithoba. Lenkampani yehlabathi yokungcakaza uBetway uthatha intambho kwinkampani ephantsi koMultichoice iDSTV nenxaso yayo ephele kwangethuba kusashiyeke unyaka phambi kokuba iphele.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA