IPhondo leMpuma Kapa lize nenkqubo yokunika uqeqesho kumagosa ngakubantwana abanesifo sephepha.

By Buhle Nomgalasa.

Abasebenzi bezeMpilo eMonti baxhotyiswe ngezikhokelo ezihlaziyiweyo zokulwa iSifo sePhepha (TB) sabantwana. ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa, libambisene neSebe lezeMpilo kuzwelonke, lisungule iphulo lokulwa isifo sephepha ebantwaneni nabo bakwishumi elivisayo. Inkqubo yeentsuku ezintathu yoQeqesho kuLawulo lweSifo sePhepha yaBantwana ibanjwe ukusuka ngomhla wesithathu (3) ukuyo kuthi ga kumhla wesihlanu (5) kweyeSilimela ngo-2025 kwiHotele iRegent eMonti, yaze yagxila ekomelezeni unikezelo lwezempilo kwiphondo liphela.

Olu qeqesho lujolise kwiingcali zokhathalelo lwempilo kuzo zonke izithili, kubandakanywa abaphathi benkqubo yesifo sephepha-TB, abaphathi be-HAST, oogqirha, oosokhemesti, kunye nabameli abavela kumaziko emfundo ephakamileyo. Amaqela axhotyiswe ngezikhokelo zamva nje zesifo sephepha (TB) sabantwana, ezijolise ekuphuculeni ukuxilongwa, unyango, kunye nokukhathalela izigulane eziselula.”

UGq. Nozipo Jaxa, uMlawuli woQeqesho kwiZiko loMmandla, uqaqambise ukubaluleka komfuziselo woqeqesho olusetyenzisiweyo ngexesha lenkqubo.

“Lo mzekelo uqinisekisa ukuba lonke inqanaba lenkqubo yokunakekelwa kwezempilo ifikeleleke, ukusuka kumaqela amanqanaba esithili ukuya kubasebenzi beziko elifana naBaphathi boMsebenzi kunye neeNkokheli zeQela lokuFikelela kwiWadi,” utshilo.

Okubalulekileyo, olu qeqesho lukwaqwalasele ukosuleleka kunye ne-TB/HIV, nto leyo ebeka abantwana emngciphekweni omkhulu. Ngokuka Sekela Mlawuli uKhatutshelo Nemukombame ophuma kwiSebe lezeMpilo leSizwe, abantwana abosulelwe sisifo sephepha (TB) kunye nentsholongwane ka Gawulayo (HIV) kufuneka babekwe phambili njengoko behlelwa njengabo banentsholongwane ka Gawulayo (HIV) ephezulu.

“Ukubonwa kwangethuba kunye nokubeka iliso rhoqo kubalulekile ekusindiseni ubomi,” wongeze watsho uNemukombame.

Eli phulo likwakhuthaza amaziko emfundo ephakamileyo ukuba ahlaziye ikharityhulam yawo yoqeqesho lwezonyango, ehambelana nezikhokelo ezihlaziyiweyo zesifo sephepha (TB).

Eli nyathelo lijonge phambili liqinisekisa ukuba abasebenzi bezempilo bexesha elizayo bangena emsebenzini kunye nolwazi lwangoku kunye nezakhono. Oku kubonisa inyathelo elilungelelanisiweyo, elisebenzayo yiMpuma Kapa lokunciphisa umthwalo wesifo sephepha (TB) ebantwaneni nakulutsha olufikisayo. Likwaxhasa nenjongo yesizwe yokuphelisa isifo sephepha (TB) eMzantsi Afrika.

ISebe lezeMpilo likholelwa ukuba le ndlela iya kwakha inkqubo yokhathalelo lwempilo eyomeleleyo, esabela kwiimfuno ezithile zabantwana abaphila nesifo sephepha, ingakumbi abo bachatshazelwa yintsholongwane ka Gawulayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA