By Asipile Kitchen.
Kwiinzame zonke zokuqinisekisa ukuba ubulungoisa buyenziwa ngakuAsenathi Mve, amapolisa alandele lonke ulwazi abalufumanayo ukubamba umrhanelwa otyholwa ngokubulala uAsenathi. Ngoncedo lwamalungu oluntu baye bamfumana umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48) wabanjwa kwakule lali inye yaseNcerha ngoLwesithathu umhla wesine (04) kweyeSilimela 2025, kwaye ngophando olucokisiweyo wavulelwa ityala lokubulala ngoLwesine womhla wesihlanu (05) kweyeSilimela 2025.
Oku kuza emva kwesiganeko esithimbe ubomi bebhinqa eliselitsha elineminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala ngeCawa yomhla wokuqala (01) kweyeSilimela eNcerha, kude kufuphi naseMonti. Umzimba wakhe wafunyanwa ehlathini ugqunywe ngebhatyi emnyama unokwenzakala kumzimba ongentla ngosuku lwangoMvulo.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele eNkundleni kaMantyi yaseMonti ngoLwesihlanu umhla wesithandathu (06) kweyeSilimela 2025.
INkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika eMpuma Kapa ikubeka phambili ukulwa nobundlobongela obusekelwe kwisini (GBV) nokuqinisekisa ukuba abo benza ubundlobongela obumanyukunyezi babekwa uxanduva kwaye bajongana nengalo yomthetho.

