18.5 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

#IPHULO LABATHATHI-NXAXHEBA ABANINZI LEZIKOLO EZIKHUSELEKILEYO

Ukukhawulelana nobhubhane weziyobisi,kunye nokuxhatshazwa, ukusetyenziswa kotywala ngabafikisayo nolutsha kumaziko okufunda.I-Izwi Mentorship Hub ikhokhele kwaye yabamba kunye ilinge labathathi-nxaxheba abaninzi ukulungisa ifuthe leziyobisi, utywala kubomi bomfundi ngamnye, iintsapho kunye noluntu . Eli phulo linyathelo lokuqala lendlela yethu yokunciphisa ukusetyenziswa kweziyobisi notywala ezikolweni nto leyo eshiya amaziko ethu okufunda noluntu lukwisiphithiphithi.

Le nkqubo ayijolisanga kuphela ekukhuliseni abafundi kodwa nokuzixhobisa ukuze bakwazi ukwenza izigqibo kumgangatho womntu, ngokuphembelela indlela abaziphatha ngayo. Kwiziko lokucebisa ngelizwi sisebenza ngenjongo nabachaphazelekayo abohlukeneyo ukugaya inkxaso kwizikolo ezikhuselekileyo ngokuhambelana neminqweno yesicwangciso sophuhliso sikazwelonke sika2030.

Abathathi-nxaxheba ababekhona ngomhla we-19 kunye ne20 ku Tshazimpunzi ka-2023, ibilisebe lezemfundo, ugunyaziwe wotshutshiso kuzwelonke, isebe lokhuseleko loluntu kunye nomasipala waseAmalahleni , HIV/AID kunye nencandelo lokhuseleko loluntu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
18.5 ° C
18.5 °
18.5 °
51 %
4.8kmh
39 %
Sat
16 °
Sun
27 °
Mon
19 °
Tue
16 °
Wed
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks