AKUYONDAWO YOKUBALEKELA ABABULALI ICATHCART

Babetha ngengqindi phantsi abahlali baseCathcart eMpuma Koloni besithi ledolophu yabo ayondawo yokubalekela ababulali, oku kuza emva kokuba indoda eneminyaka engamashumi amahlanu ananye egama linguThemba ithe gqolo ukuphatha gadalala amanina de yabulala abaawtyhini ababini kwidolophu yaseCumakala yabalekela eCathcart.

UThemba wabulala intombi awayencuma nayo uThelma ngonyaka ka2021 wasongela umzimba wakhe esakeni wayowuphosa emlanjeni wafunyanwa umzimba wexhoba emva konyaka, wangapheleli apho waphinda wabulala elinye ixhoba uNoluntu ngokulixhaxha.

Lendoda ejongene namatyala aliqela okuphatha gadalala abasetyhini ibike yabanjwa ngaphambili ze yakhukulwa ngengqawule.

Ukanti kuvakala uba usuke eCumakala apho wayebanjwe khona wabalekela kumhlaba waseCathcart kwisihlobo sakhe emveni kokukhululwa kwakhe, kulapho afike abahlali bebetha ngengqindi phantsi ngelithi makaphume aphele.

“”Ndifike kuthe xhonxoshololo abahlali kumasango asemapoliseni ndangena nam ndasabela ndava ezindaba, bekukubi kodwa kelwelinye icala ndiyawancoma amaPolisa aseCathcart kuba akakhange aphozisw maseko avele atsiba angenelela ngoko nangoko kwisikhalo sabahlali” utsho uPetros Majola weKhula Development Project

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA