16.7 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

Iphulo leOperation Shanela II libeneziphumo ezintle eOR Tambo.

By Asipile Kitchen.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uqhwabele izandla amalungu akhe ngokuqinisa iphulo leOperation Shanela II njengoko beqalise amaphulo ahlukeneyo kwisithili, befumana izinto ekurhaneleka ukuba zibiwe kunye nezithuthi ezithinjiweyo. Eli phulo liqale ngoLwesithathu, umhla wesithandathu (6) kweyeThupha ukusuka ngentsimbi yamashumi amabini anesibini (22h00) ukuya kweyesine (04h00) ngoLwesine, umhla wesixhenxe (7) kweyeThupha 2025.

Kwisiganeko sokuqala malunga nentsimbi yeshumi elinesihlanu (15:00), kwingingqi yaseNtobongwana eUpper Ntafufu A/A eLusikisiki, kuphangwe isithuthi sohlobo lweFord Ranger sikhonjwe ngemipu kwindawo yoshishino ngabarhanelwa abathathu abangaziwayo nabaxhobileyo nababehamba kwindlela uR61 besingise ePort St John’s. Isithuthi sifunyenwe kwingingqi yaseMkhanzini ePort St Johns ngamalungu ePort St John’s Crime Prevention kunye neK9 Unit. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala uyewabanjwa ngokuba nemoto ebiweyo.

Kwisehlo esahlukileyo kuQumbu, kwingingqi yaseBlackhill, iYunithi eSand’ ukusekwa yeOR Tambo yothintelo lobusela, amalungu obupolisa obubonakalayo eQumbu kunye namalungu eziko lomyalelo we ofisi yesithili bafumene isithuthi se-Isuzu D-Max esasiqweqwediswe kuTsolo, kweyekhala ngo 2025. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala waseBajodini wabanjwa ngokuba nesithuthi ngokungekho mthethweni.

Eli qela likwafumene iigusha ezixutyiweyo ezingamashumi amathathu anesihlanu (35) ekutyholwa ukuba zazibiwe KwaBhaca ze labamba umrhanelwa oyindoda oneminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu (75) ubudala ngokufunyanwa nemfuyo ekurhaneleka ukuba ibiwe.

Bonke abarhanelwa ababanjiweyo bazakuvela kwiiNkundla zikaMantyi ezohlukeneyo ngoLwesihlanu, umhla wesibhozo (08) kweyeThupha 2025, bejongene nezityholo zabo ukusuka ekubeni nemoto eqweqwedisiweyo okanye ephangiweyo ngokungekho mthethweni ukuya ekubanjweni benempahla ekurhaneleka ukuba ibiwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.7 ° C
16.7 °
16.7 °
82 %
5.9kmh
99 %
Wed
16 °
Thu
15 °
Fri
18 °
Sat
33 °
Sun
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks