By Sophumelela Singqota.
Onamawonga aliqela neembasa zomculo we-Afro Soul, uNathi Mankayi, ubuye nengoma ezakwenza ukuba uluntu lucule kunye. Ingoma yakhe entsha, enesihloko esithi “IBHUNGUZA,.”
Kudliwano-ndlebe olukhethekileyo esilibambe neliGcisa, uNathi wabelane nathi ngenkuthazo ethe yamfikela ukuze abhale le ngoma, esithi le ngoma ityhila ngokunzulu kwiinkumbulo zakhe zobuntwana.
“IBHUNGUZA yingoma esikhule siyicula sisengamakhwenkwe aselula ezilalini,” utshilo. “Ndithe xa ndisiva isandi esitsha esidumileyo ngoku eMzantsi Afrika, i-3 Step, ndiye ndakhuthazeka ukuba ndilandele ekhondweni ndivuselele le ngoma inovuyo, ekuzakubalula ukuba abantu bayicule.”
Ngelixa uNathi esaziwa ngesandi esichukumisayo kunye nevuselela umphefumlo we-Afro Soul, IBHUNGUZA ithathe indlela ezakuhlaziya umphefumlo kwaye yenze nabantu badlamke ngakumbi.

“Isandi sayo yi-3-step, eyahluke kakhulu kwisandi se-Afro Soul endihlala ndisenza,” utshilo. Kodwa ndivakalelwa kukuba lo myalezo awohlukanga kakhulu nendlela endiqhele ukubhala ngayo.”
UNathi uthi le ngoma iza neemvakalelo zovuyo kunye nemibhiyozo, iimvakalelo ezihlala zibonakaliswa ngeendibano zemveli.
“Le ngoma luhlobo lweengoma eziculwa emigidini,” wongeza, esolatha kwimibhiyozo yoluntu kunye neengqungquthela zomdaniso wenkcubeko.
UNathi uthi umsebenzi wokudidiyela le ngoma uye walula, khange bafumane bunzima bungako, kwaye abo basebenze naye baye bakhuthazeka nabo xa eba bonisa umbono wakhe.
“Ndihlala ndisestudiyo ixesha elininzi. Ndiye ndeva isingqi awayesisebenzisa uMaglakz, emveni koko kwathi qatha le ngoma. Ngoko ke ndisebenze noMaglakz kunye noLazola.”
“Ngokuqinisekileyo, le ngoma ikhokelela kwiAlbhamu epheleleyo kunye nokhenketho endizakulithatha kungekudala,” utshilo.
Nge-IBHUNGUZA, uNathi Mankayi usimema ukuba sikhumbule apho sisuka khona, ngelixa sihambisa iinyawo zethu kwisingqi esivakala sitsha kwaye siqhelekileyo. Nokuba ukwindibano yesiko okanye usekhaya, le ngokuqinisekileyo iya kuphakamisa.

