By Nyameka Lamani
Abahlali izolo bebeqhanqalaza bevakalisa ukungonwabi yindlela amapolisa arhuqa ngayo.
Amapolisa aqinisekisile ukuba umrhanelwa osemva kokuduka kuka Linamandla Buhle Xhosana ugadwe ngamapolisa esibhedlele nanjengoko ebeziphose kwisithuthi esihambayo.
Intombazana elahlekileyo yagqityelwa ngomhla weshumi elinanye(11)kweyeDwarha lilungu loluntu elathi lalumkisa usapho ze wayakubikwa emapoliseni ngomhla weshumi elinesithathu(13).
Indlu yomrhanelwa ekwindawo yase-Eziteneni iye yagqogqwa kwakunye nomlambo ongasemva kwendlu yabarhanelwa, ibala legalufa kunye nehlathi elikufutshane nebala legalufa.
Kutyholwa ukuba ixhoba belineselula ezimbini (2). Enye ikwivoicemail kwaye enye ikhalela epalini. Ukulandela iselula kuyinxalenye yophando. Kuthiwa ngexesha agqityelwe ngayo ebehamba yedwa elila.
Uphando lokuqala lwenziwe ngaphandle kwethamsanqa.
Kuthethiwe nogxa bakhe nezihlobo kwakunye nomasincumisane wakhe kodwa akwabikho nkcukacha zifumanekayo kwaye lomfana uthe wamgqibela ngosuku lwesine(4) kweyeDwarha wazama ukumtsalela umnxeba noWhatsapp akwabikho mpendulo.
Umasipala uncedise amapolisa ngamaphetshana esasazwa edolophini nakumakhasi onxibelelwano ukuncedisa kufunyanwe lentombazana.

