Amandiya ziinjinga zendebe yehlabathi kwiqakamba.
Ubunzima umdlalo weNdebe yeHlabathi weQakamba kumdlalo wamanqam nalapho bekuqubisene oompondo zihlanjiwe base-India nabaseMzantsi Afrika eBarbados kumabala iKingston Oval eWest Indies ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeSilimela 2024.
I-India iphumelele itoss yakhetha ukuqhokra kuqala (1) yaze yenza ikhulu elinamashumi asixhenxe anesithandathu iphulukana noothinti abasixhenxe (176/7 kwii-Overs ezingamashumi amabini (20) yaba yeyona mitsi ikwinani eliphezulu elo kwimbali yeT20 kwihlabathi. Uphendule uMzantsi Afrika wenza ikhulu elinamashumi amathandathu anethoba iphulukana noothinti abasibhozo (169/8)
Uphuncuke ezandleni lomdlalo kwiqela leli leqakamba kuba kukho ixesha bekubonakala okwekati ehlungwini ukuba ngoku iProteas ziya empumelelweni ngethuba befuna amashumi amathathu (30) emitsi kwiibhola nazo ezingamashumi amathathu (30) beshiyekelwe ngoothinti abathandathu (6).
Ukudilika kwabo kubonakele ukumka kukaHeinrich Klaasen enamashumi amahlanu anesibini (52) ejongene neebhola ezingamashumi amabini anesixhenxe (27) kulapho kuye kwafika ixesha lokuba bafune imitsi elishumi elinesithandathu kwi-Over yokugqibela ukutsho oko kwiibhola ezintandathu (6).
UDavid Miller wenze amashumi amabini nanye (21) kwiibhola ezilishumi elinesithandathu (16) ajongene nazo. URabada ubethe isine (4) semitsi kwibhola yokuqala (1) ajongene nayo kwatsho kwashiyeka uMzantsi ufuna imitsi elishumi elinesibini (12) kwiibhola ezine (4).
UMaharaj uthathe oothinti ababini (2) kwi-over yesibini n(2) ngelixa uRabada ethathe uthinti omnye (1) kwi-over yakhe yokuqala (1). UMaharaj ngethuba ethatha oothinti ababini (2) ufake engxakini kusaqalwa abadlali base-India ngethuba bekumashumi amabini anesithathu (23) kuwe oothinti ababini (2) ngeloxesha.
URabada ukhe wayibeka engxakini naye I-India ngethuba ethatha uthinti labe iqela lase-India lisekoneni kuba belinemitsi engamashumi amathathu anesine kuwe oothinti abathathu (34/3) ngelooxesha. U-Anrich Norje uthathe oothinti ababini ebethwa imitsi engamashumi amabini anesithandathu (26).
UMaharaj uthathe oothinti ababini ebethwa imitsi engamashumi amabini anesithathu. URabada uthathe uthinti wamnye wabethwa imitsi engamashumi amathathu anesithandathu, uJanson yena uthathe uthinti wamnye wabethwa imitsi engamashumi amane anethoba.
UMzantsi Afrika kuqalwa nje uye waphulukana noothinti ababalulekileyo, owokuqala kukumka kukaReeza Hendricks enesine semitsi egameni lakhe nomdlali oyinkokheli u-Aiden Makram ukhawuleze wahamba enesine semitsi.
Abadlali ebe bebuyisele iProteas emdlalweni nguQuinton de Kock oye wenza amashumi amathathu anethoba emitsi kwiibhola ezingamashumi amathathu nanye athe wajongana nazo encediswa nguTristan Stubb oye wenza amashumi amathathu ananye emitsi kwiibhola ezingamashumi amabini ananye.
IiProteas zihlabeke entliziyweni kulomdlalo kuba bezizimesele ukuyiphumelela le indebe yehlabathi yeqakamba kuba bengazange baqalisa ukuphumelela kwandebe yehlabathi nakwenjani. UMzantsi ubethwe ngemitsi esixhenxe (7).
By Siphiwo Boqwana

