16.5 C
King William's Town
Wednesday, October 9, 2024

IPirates izakukhetha phakathi kukaPaseka Maku noThabiso Monyana ukudlala ngasemva kwindawo yesibini.

By Siphiwo Boqwana

Kuzakudlana iintsimbi ngoMgqibelo kumdlalo wamanqam phakathi kwePirates neStellies kuWafa Wafa.

IQela lebhola ekhatywayo laseSoweto iBhakajuju kuzakunyanzeleka lenze utshintsho ngasemva kwindawo yesibini. Ukhumbule ukuba iOrlando Pirates izakukhusela intshinga yayo yeMTN8 ngethuba izakube iqubisene neStellenbosch FC kumagqibela kankqoyi wendebe ngoMgqibelo kumabala iMoses Mabhida ngentsimbi yesithandathu (18h00) malanga umhla wesihlanu (05) kule yeDwarha inyanga.

UDeano van Rooyan odlale yonke imidlalo yeBetway Premier League, edlala kwindawo yesibini ngasemva akazukukwazi ukudlala kulomdlalo kuba ebedlalile kulendebe kwiStellies phambi kokuba atyikitye nezimnyana ngenkani.

UVan Rooyan udlalele iqela lebhola ekhatywayo iStellies ngethuba bedlala neeRockets kwisigaba samaqela asibhozo phambi kokuba azibandakanye nePirates. Lilonke uDeano akavumelekanga ukudlalela amaqela amabini awohlukeneyo kwisizini enye kukhuphiswano lendebe.

Nangona kunjalo ibhakabhaka alinadyudyu ngokungabikho kukaVan Rooyan njengoko benoThabiso Monyana obuyileyo ekunqunyanyiswen kumdlalo omnye nalapho ebengene kwimizuzu yokugqibela ngethuba bebetha iNatal Rich Boys ngenqaku elinye eqandeni (1-0).

Into enika umdla yinto yokuba uThabiso ufumene ikhadi elimthubi ehleli esitulweni engadlali ngethuba bebetha iPolokwane City, kunjalo nje kubonakala ngathi angawuqala umdlalo kumagqibela kankqoyi wendebe yeMTN8 ngoMgqibelo esiya kuwo.

Omnye umdlali onokufumana ithuba nguPaseka Maku nowayesa kudlalela iChippa United, lo mdlali uyakwazi ukudlala nakulendawo wayekhe wafakwa ngumqeqeshi uJose Ribeiro nto leyo ebonisa ukuba uyakwazi ukudlala naphi apho afakwa khona.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.5 ° C
16.5 °
16.5 °
82 %
4.6kmh
87 %
Tue
16 °
Wed
32 °
Thu
37 °
Fri
26 °
Sat
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks