20.1 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Ipolisa laseKariega libanjelwe ukubulala ngo-2022

USajini ovalelwe kwisikhululo samapolisa saseKamesh eKariega ubanjwe phantsi kwezityholo zokubulala uRaul Damons ngonyaka ka-2022.

UDamons oneminyaka engamashumi amathathu ananye ubudala wadutyulwa wabulawa endlwini yakhe eStrelitzia Park ngoDisemba waloo nyaka.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi uSajini uRudy Arends ngumrhanelwa wesithathu ukubanjwa malunga nesiganeko.

Ixhoba, uDamons, labanjwa kunye nabanye abarhanelwa abane ngeyoMdumba ka-2020 xa bafunyanwa beneentsimbi zemoto yohlobo lweVW Polo ekutyholwa ukuba zibiwe ezixabisa ngaphezu kwesigidi seerandi.

UDamons unikwe ibheyile ye-R10 000.

UNaidu uthi kweyoMqungu kulo nyaka uClinton Minnies oneminyaka engamashumi amane ananye ubudala waba ngowokuqala ukubanjwa ngokubulala uDamons logama umrhanelwa wesibini, uDeilon Makoppa wabanjwa kweyoMsintsi.

Bobathathu abatyholwa bavele kwinkundla kamantyi yaseKariega ngoLwesibini nalapho ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesine kuleyeNkanga ukuze bafake isicelo sebheyile.

Oku kubanjwa kwenziwe licandelo elijongene nemigulukudu eGqeberha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
25 %
1.8kmh
26 %
Mon
22 °
Tue
25 °
Wed
30 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks