By Siphiwo Boqwana.
Ligxothiwe iqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu iRoyal AM nelithwe mba zingxaki zokungabhatalwa kwerhafu ngumnikazi walo uMamkhize, eli qela ligxothwe kwindebe eqhubayo neyeyokugqibela kulesizini iNedbank. Eli qela lebhola ekhatywayo bekufanele ukuba ladlala neqela elikuMotsepe Foundation iMilford United kwisigaba samaqela angamashumi amathathu anesibini (32) kodwa loo nto zange yenzeka ngenxa yokunqunyanyiswa kwayo iThwihli Thahla.
Umnikazi weliqela leRoyal AM uShauwn Mkhize utyala uSARS imali engangezigidi ezingamashumi amane zonke zeerand (40m). Kungoku nje kumatasa kulungiselelwa ukuthengiswa kweliqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu Natal khonukuze kuzokubuya imali abayityala le-arhente ejongene nentlawulo yerhafu, eMzantsi Afrika.
Ukunikwa kwe-Royal AM uphumaphele kwindebe yakwaNedbank kuthetha ukuba ngoku iqela iSekhukhune United nelathi labetha iCape Town City kumaqela angamashumi amathathu anesibini (32) ngoku lizakuqubisana neMilford United kumaqela alishumi elinesithandathu (16) ngeCawa umhla wesibini (02) kwinyanga ezayo yoKwindla eDurban, ize ephumeleleyo ijongane ngqo neMamelodi Sundowns kumaqela asibhozo (8) ashiyekileyo.
IPSL iyirhoxisile intlawulo eyinika amaqela ebhola ekhatywayo alishumi elinesithandathu (16) lilonke yona iThwihli Thahla ayisayi kuyifumana lentlawulo yanyanga nganye ngenxa yokungathabathi nxaxheba kwimidlalo ye-Betway Premier League.
IRoyal AM yagqibela ukudlala kwiBetway Premiership ngomhla wamashumi amabini anethoba (29) kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo ngethuba ibhaxabulwa yiTS Galaxy ngamanqaku amathathu kwelinye (3-1). Kungoku nje iThwihli Thahla ihleli emsileni kuluhlu lamaqela ebhola ekhatywayo kwiBetway Premiership ngamanqaku asibhozo (8) emva kwemidlalo elishumi elinanye (11).
Emva kokuvalwa komthombo wemali kaMamkhize abadlali kuye kwanyanzeleka ukuba babhatalwe imivuzo yenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo kulenyanga iphelileyo yoMqungu kodwa kungoku nje kukho iingxelo ezithi abadlali bavuziwe kulenyanga imivuzo yenyanga ephelileyo.
Ezinye iingxelo zezokuba eliqela laKwaZulu Natal, ukuba akafumanekanga umthengi kuzakunyanzeleka lichithwe eliqela kuphele ngalo.

