Amalungu eGqeberha Flying Squad avalele izikrelemnqa ezibandakanyeka kushishino lamangquba angekhomthethweni nabarhanelwa bokuphanga kwiziganeko ezibini ezinganxulumananga.
Kutyholwa ukuba ngeCawe umhla weshumi kweyeNkanga 2024 ngokuhlwa malunga nentsimbi yesixhenxe (19:00), amalungu eFlying squad afumene ulwazi ngeHyundai i10 emhlophe eyayithutha amangquba. Ngelixa lijikeleza indawo, ilungu laqaphela esi sithuthi. Wathi akubona isithuthi seSAPS umqhubi wemoto wabaleka, kwalandela isantya esiphezulu. Umqhubi ebeqhuba ngokungakhathali ngokugqithisileyo, kwaye ekudibaneni kwindlela iHarrower kunye neBrock, kwagqabhuka itayara, waza umqhubi waphulukana nokulawula isithuthi.
Umqhubi watsibela ngaphandle kwemoto waze wazama ukubaleka kodwa wabanjwa. Ngethuba kugqogqwa isithuthi, amalungu athathe iingxowa ezimbini ezineeyunithi ezingamakhulu amahlanu neshumi elinesithandathu (516) zamangquba ezixabisa i-R80 000.00. Kuphando amapolisa afumanisa ukuba isithuthi sichazwe ukuba sabiwa kwinyanga yoMsintsi kwindawo yamapolisa kwindlela iMount.
Umrhanelwa uvalelwe ngezityholo zokuzama ukubulala, ukuqhuba ngokungenankathalo okanye ngokungakhathali, ukuba namangquba, nokuba nemoto ekurhaneleka ukuba ibiwe.
Kwesinye isiganeko esinganxulumenanga ngentseni yayizolo umhla weshumi elinanye kwyeNkanga 2024, ngethuba ebegade iGovan Mbeki Avenue, kuMbindi wayo, la malungu aqaphele indoda emi ecaleni kwesithuthi esophuke ifestile. Xa bebuzwa ngakumbi, lo mfana wabaxelela ukuba usanda kuhluthwa iselfowuni yakhe. Ixhoba linike inkcazo ngesithuthi iRenault KWID kwaye lithi bebebahlanu abantu ebebekhwele ngaphakathi kwesi sithuthi, baze babhaca kwicala laseNorth End.
Amalungu aqhubekile nokujikeleza ekhangela isithuthi, kwaye njengoko amalungu ayejikeleza, aqaphela eso sithuthi. La malungu asondela kwimoto ngasemva abamba bonke abarhanelwa abahlanu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) namashumi amathathu ananye (31).
La malungu ahluthe iselula yexhoba, ze kwathathwa nezinye iiselfowuni ezintandathu. Imoto yabanjwa, kwaye abarhanelwa bavalelwa ngezityholo zokuphanga bexhobile.
Abarhanelwa abahlanu bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseGqeberha phakathi evekini.