17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Iqela lezopilotiko iANC eMpuma Koloni,lithi lidale amathuba emisebenzi.

Umbutho weANC eMpuma Koloni uthi udale imisebenzi engaphaya kwe-140 000 kwi90 000 ebijolise kuyo ngexesha lonyulo luka-2019.

Oku kudizwe ngethuba kusenziwa uphononongo lweManifesto yephondo ka-2019 eGqeberha ngoMgqibelo. Lomsitho ubuzinyaswe ngamalungu awohlukeneyo yeKomiti yesigqeba seSizwe, nangona kunjalo iMpuma Koloni lelinye lawona maphondo anezinga eliphezulu lentswela-ngqesho, kungoku nje liku-40%.

UNondyebo Jikelele we-ANC, uGwen Ramokgopa uthi, kule minyaka imbalwa idlulileyo, benze amanyathelo okulungisa imiba yentlalo noqoqosho ejongene nephondo. Esithi I-ANC izimisele ukuzisa utshintsho ebantwini beli phondo.

Ukwathe lombutho ujolise ukuhlala uqinisekisa ukuba uyayilungisa yonke imiba, efana nokunqongophala kwemisebenzi, izindlu nezinye ezininzi kwaye uncede abantu bafumane ubomi obungcono.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks