17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Ulwela ubomi bakhe esibhedlele umtwana waseKomani.

Wothukile uMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ngokutshiswa komfundi oneminyaka elishumi elinesithandathu(16) kuKomani nekuvakala ukuba utshiswe ngutitshala.

Lo mfundi utshiswe ngokugqithisileyo kwaye sithetha nje usesibhedlele apho alwela ubomi bakhe. Iingxelo ezithe vetshe ngokweSebe leMfundo, utitshala nomfundi bebenengxabano malunga neenkukhu ezibiweyo waza utitshala wabasa umlilo wayalela ukuba umfundi atsibele emlilweni njengesohlwayo.

Nangona esi siganeko senzeke ngoMgqibelo sibandakanya kwaye sichaphazela umsebenzi weSebe. Lo mfundisi-ntsapho sele ebanjiwe ngamapolisa kwaye ebehlelelwe ukuba avele kwinkundla kamantyi yasekuhlaleni, ngoLwesihlanu, umhla we-15 kuSeptemba 2023.
Isebe liyawuphanda lo mba kwaye likwathumele igqiza lokunika inkxaso kusapho logama amapolisa ejonge elityala.

UMphathiswa uGade uthi elona nyathelo liqatha limele lithathwe ukuze babe ngumzekelo kwaye bakhumbuze abo banikwe umsebenzi wokukhusela abantwana ukuba benze njalo kunokuba babonzakalise.
“Esi siganeko siyothusa ingakumbi kwimeko yomnye wethu obekulindeleke ukuba aqinisekise ukhuseleko lomntwana. Sicela uphando olukhawulezileyo malunga neemeko ezijikeleze esi sehlo. Sixolile kuba amapolisa akhawulezise ukubamba ukuze umcimbi uqhubeke,” utshilo uGade.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks