ISebe lezeMali eBhisho liphangwe kuxhotyiwe kwabiwa nesithuthi sikarhulumente, ngentseni yanamhlanje.

By Asipile Kitchen.

INkonzo yamaPolisa aseMzantsi Africa iphanda ityala lokuphangwa kuxhotyiwe nokibiwa kwemoto kwi-ofisi zeSebe lezemali eBhisho, eMpuma Kapa, ngomhla wesibini kweyeSilimela 2025 malunga nemizuzu engamashumi amane anesihlane emveni kwentsimbi yesibini (02:45).

Ngokwengxelo, abarhanelwa ababini abangamadoda abangaziwayo, bexhobile benxibe nezigqumathelo, angene kwigumbi loo nogada. Umrhanelwa wokuqala wagrogrisa unogada ngompu, efuna izitshixo zeToyota Quantum yaseburhulumenteni emiswe phandle ngenkani. Eli gosa lamazisa umrhanelwa ukuba akanazo izitshixo zale moto.

Ngelixesha le mpikiswano, umrhanelwa wesibini wangena kwigumbi loo nogada ephethe umpu nentambo. Unogada lowo wabotshelelwa izandla neenyawo zombini ngentambo. Kungekudala emva koko, eli gosa labona umrhanelwa wesibini ehamba ngesithuthi sikarhulumente (Reg: GGL242EC). Emva koko umrhanelwa wokuqala wathatha irejista yeOccurence Book kwindawo yexhwayelo phambi kokuba abalekele kwiQuantum ebiweyo nogxa wakhe.

Uogada lo ushiywe engenawo nomkrwelo kodwa ebotshelelwe. Akukabikho mntu ubanjiweyo uzothi ga ngoku.

Amapolisa aseBhisho avule uphando olunzulu kwaye abongoza uluntu ukuba luncedise. Nabani na onolwazi malunga nabarhanelwa, iToyota Quantum ebiweyo (REG:GGL242EC) uyacelwa ukuba aqhagamshelane namapolisa aseBHisho okanye CRime Stop ku-08600 10111. Iingcebiso ezingachazwanga gama lakho zisenokwabelwana ngazo kusetyenziswa i-SAPS App.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA