KwiPhondo elityebe ngenkcubeko netalente, uSinazo Mpomane uye wazakhela inkampani yehombo obungapheleli nje ekubhiyozeleni ubuhle kodwa ephakamisa uluntu kwaye evula umzila wokuba kuthetha ukuthini ukuqhuba ishishini elinempumelelo eliphuma ezilalini zoMzantsi Afrika.
Ibali likaMpomane, oyinzalelwane yaseMount Ayliff kunye nakuQumbu eMahlungulu, lelinye lokomelela, ukuvuselela amabhongo. Emva kokugqiba amabanga akhe aphakamileyo ePotchefstroom, uMpomane uye wabhalisa kwizifundo zoPhicotho-zincwadi kwiDyunivesithi yeTekhnoloji yaseTshwane (Tshwane University of Technology), kodwa wafumana ukulibaziseka ngenxa yengozi yemoto eyayimasikizi.
Oko akuzange kumvalele indlela, waqhubeka wabhalisela izifundo zobuntatheli kwiKholeji iRosebank waza waziphumelela ngokugqwesa, emva koko waba nguMncedisi-mphathi weSebe kwqibhanka yakwaCapitec.


Kulapho ke aye wathatha isigqibo sokuba aguqule ubomi ngendlela ethandwa nguye, hayi ngenxa yemeko. Eso sigqibo ke sazala inkampani yokuhombisa engundaba mlonyeni kwezintsuku, ingakumbi ephondweni leMpuma Kapa, iMaBillion Decor, ethiywe ngegama lentombi yakhe encinci.
Nangona le nkampani iMaBillion Decor yasekwa ngokusesikweni ngasekupheleni konyaka ka-2022, ukuphucuka kweMaBillion Decor bekungeyonto imfutshane nje encinci, kodwa ibingummangaliso nakuye uMpomane. Ukubalula nje imisebenzi asebenze kuyo uMpomane kuquka ukuhombisa imisitho ye-Mine Workers Provident Fund, Public Servant Association (PSA) kunye noDis-Chem, nabantu abakumgangatho ophezulu abafana noVuyokazi Nciweni noLorna Khumalo.

Ukusuka kwimitshato yokuhombisa kunye neentsuku zokuzalwa ukuya kwiminyhadala yeshishini kunye nekarhulumente, isandla sikaMaBillion sibonakalisa ubuchwephesha, kunye nendlela yobuqu enzulu kumbono womthengi ngamnye.
“Abantu bahlala becinga ukuba sineminyaka sikwishishini lokuhombisa, kodwa ngokwenene ngunyaka nje neenyanga ezintandathu,” utsho encumile uSinazo.
“Siye siqinisekise ukuba senza ngaphezulu kokuba silindelwe, kwaye yilonto esenza sahluke.”
Okwenza uhambo lwakhe lube nempembelelo ngakumbi kukwala kwakhe ukulinda inkxaso-mali yangaphandle. “Ndihlala ndisithi: qala nje wena,” ecebisa.
Andizange ndifumane nkxaso-mali okanye ndixhaswe, kodwa ndasebenzisa izakhono ezinje ngeGraphic Design ukufumana umvuzo kwaye ndiphinde ndityale imali kwiphupha lam.

Ubalula ithuku leshishini lakhe kumakhulu wakhe, usomashishini ohloniphekileyo ozenzela izinto ngokwakhe, kunye nobuchule bakhe bokwazi ukupheka kumakazi wakhe. Namhlanje, abantakwabo basebenza kunye naye kwelishishini- bengqina ukuba kwiMaBillion Decor, eyona nto iphambili, ngumoya wosapho.
Ngaphaya kweshishini, iMaBillion Decor imalunga nokudlala indima. USinazo uyazingca ngokudala amathuba engqesho, anceda ekunciphiseni izinga eliphezulu labantu abangaphangeliyo kweli lizwe.

Njengoba iMaBillion Decor ilungiselela ukubhiyozela unyaka wayo wesibini kwinyaga yeNkanga 2025, uSinazo akabonisi zimpawu zokuthob’ isantya. UMpomane unamaphupha okukhula kuzwelonke kwaye aqhubeke nokusaphula imida, uhlala elilizwi elinamandla koosomashishini basetyhini, ingakumbi abo basuka kwiindawo ezisemaphandleni.
“UTata wayesoloko ekholelwa kum.“ Xa ndandirhoxa kwishishini, wathi kum, ‘Nantoni na ogqiba ukuyenza, ndiyayazi ukuba uya kwenza kakuhle.’ Luhlobo lokuthazo olo olundenza ndiqhubeke.”
Ukubhukisha iMaBillion Decor ekhula ngokukhawuleza, abathengi banokufikelela kuWhatsApp okanye batsalele umnxeba ku-076 205 3039, okanye bazifumane kuwo onke amaqonga onxibelelwano aquka Facebook, Instagram, kunye noTikTok phantsi kwegama elithi MaBillions Deco Company.
Xa ufuna ukubhukisha nokusebenzisana neMaBillion Decor Company, balandele kuFacebook okanye uqhagamshelane noSinazo Hlathi ngqo.

