IBhunga lesigqeba leMpuma Koloni lisiphumezile isicelo sohlengahlengiso lohlahlo lwabiwo-mali esithiwe thaca lisebe lezempilo ephondweni (DoH) ngoLwesine. Kwisiteyitimenti sangoLwesihlanu, isebe lezempilo leMpuma Koloni lithi ukubekwa phambili kohlahlo lwabiwo-mali kuya kuqinisekisa ukuqeshwa ngokusisigxina malunga namakhulu anesibhozo (508) abasebenzi benkonzo yasemva koluntu kunye nohlaziyo lwekhontrakthi yeendlela ezahlukeneyo zabasebenzi bokhathalelo lwempilo abathe izivumelwano zabo zaphelelwa ekuqaleni kwalo nyaka ngenxa yokunqongophala kwemali.
Ngokwengxelo zeendaba zeAlgoa FM isebe lithe, oku kubekwa ngokutsha kuzakuvula indlela yokuba kuqeshwe abasebenzi bezempilo abaninzi kulo nyaka-mali, ngoko ke kuqwalaselwe ukunqongophala kwabasebenzi kwisebe.
Urhulumente waseMpuma Koloni ukwakholelwa ukuba eli linyathelo lokuqala lokushukuxa imiba ephambili kunye nokufuna izisombululo ezisebenzayo ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zempilo zisemgangathweni kuye wonke umntu kweli phondo.
“Njengenxalenye yongenelelo ngoncedo olusisigxina ngokubhekiselele kwimida yohlahlo lwabiwo-mali kwisebe lezempilo, i-EXCO iyalele iOfisi yeNkulumbuso kunye noNondyebo wePhondo ukuba aqhubeke esebenzisana ne-DoH ukulungisa ngokuzinzileyo uxinzelelo lohlahlo lwabiwo-mali ukuze ungehli umgangatho wokuqhuba iinkonzo. Olu tshintsho luza emva kokuba oogqirha abangaphangeliyo kweli phondo bechophe ngaphandle kwee-ofisi zesebe lezempilo eBhisho kwiveki ephelileyo.
Iindaba zeAlgoa FM bezikhe zabika ukuba ngenyanga yoMdumba, bangaphaya kwamakhulu amabini oogqirha abangaphangeliyo abathe babamba umngcelele ukuya eBhisho emva kokushiywa ngaphandle kwinkqubo yokugaya abasebenzi.