ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni lisabele kuqhankqalazo lakwiKlinikhi yakwaNU2, eGqeberha.

By Asemahle Mbete.

Kwingxelo ekhutshwe ngoMvulo, iSebe liqinisekise uluntu ukuba akukho kunqongophala kwamayeza kwiikhemesti zesixeko. Nangona kukho amayeza athile angafumanekiyo okwangoku, akhona amanye avunyiweyo kwezonyango ukuba asetyenziswe ukuqinisekisa ukuba izigulane ziyaqhubeka zifumana unyango olungaphazanyiswa.

Isebe likwawuvumile umcelimngeni wokunqongophala kwabasebenzi, ligxininisa ukuba oku akuchaphazeli nje iMpuma Koloni kuphela kodwa kubonisa imeko ebanzi yesizwe jikelele.

Isebe lithi ukuqinisekisa ukuba wonke umntu ufumana iinkonzo ngendlela elula, baye baza nesisombulula sokuncedisa abo baya eklinikhi ukuyokuthatha nje amayeza abo.

“Ukuthomalalisa umthwalo eziklinikhi, isebe liphumeze inkqubo yeCentral Chronic Medicine Dispensing and Distribution (CCMDD). Eli nyathelo lenza ukuba izigulana ezizinzileyo zikwazi ukuthatha amayeza kwiindawo ezahlukeneyo, kubandakanywa amaziko oluntu kunye neekhemesti, ngokwenjenjalo kuncitshiswa ukugcwala kunye nokunciphisa amanani abantu abayofuna uncedo kumaziko ezempilo,” itsho ingxelo.

ISebe liphinde lakuqinisekisa ukuzinikela kwalo ekunikezeleni ngeenkonzo zokhathalelo lwempilo esemgangathweni kwaye liqaqambise iinzame eziqhubekayo zokuphumeza izisombululo ezizinzileyo neziyilwayo. Likwacele uthethwano oluqhubekayo kunye nentsebenziswano noluntu ukuqinisekisa ukuba abahlali bafumana inkathalo yezempilo ebafaneleyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA