By Inga Mkalali.
UBongile Mantsai oneminyaka ingamashumi amane anesithathu (43) esidla amazimba noyinzalelwana yaseKhayamnandi, eStellenbosch, phantsi kwentaba yetafile. UMantsai wazakhela igama wazibalula njengomlinganiswa ophuma izandla kwimidlalo yeqonga, imiboniso bhanyabhanya kunye nekamabonakude.
Isakhono nobuchule bakhe bokunxiba ababalinganiswa abadlalayo bumenze umpondo zihlanjiwe kwindima yezolonwabo yoMzantsi Afrika, simkhokhelela ekubeni awongwe ngeembasa eziliqela neziquka iSAFTA Umlinganiswa Ogqwesileyo, Durban International Film festival Umlinganiswa Ogqwesileyo, Naledi Theatre awards kunye nezinye .
Le ndedeba iqhube yathi “akukhonto ibaluleke ngokungathi yimfundo kuba ayisoze yoxuthwe ngumntu kwaye ikunika ingqondo ephangaleleyo nenkcubeko.
“Kuba ixesha elininzi ndiye ndilinganise abalinganiswa abandlongondlongo abafana noMthunzi Mayiza kuScandal, Hlumelo Mxenge kuGqeberha The Empire, Dudu Nyakama kuKnuckle City, kunye noVija kwiNxeba. Loo nto ibangele ukuba abantu bangayazi ukuba ndingu Mfundisi.”
“Into esandigcinileyo kuyo yonke leminyaka kukuthobeka nokufikeleleka nokungavumeli ukwaziwa kundenze ndijongele phantsi abantu kwaye ndizijula ijacu kuwo onke amathuba endiwafumanayo”.
“Amagcisa akulomkhakha ndingawacebisa ukuba umntu makangaxhomekeki ekubeni ngumdlali weqonga qha kuba kukho amaxesha okunqongophala kwamisebenzi kwaye umntu makazilungiselele ngelixesha izinto zakhe zisahamba kakuhle ahlabe ekhangele, abahlonele nabantu.”

