ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni lithi akukho mfuneko yokoyika malunga nomkhuhlane ogqubayo.

Isebe lezeMpilo eMpuma Koloni lithi akukho mfuneko yakuxhalaba ngenxa yokonyuka kwamanani abantu abafumana umkhuhlane.

“Oku kuqhelekile ngeli xesha lonyaka njengoko sisondela kwixesha lasebusika,” utshilo uMkhululi Ndamase, isithethi kuMphathiswa wezeMpilo uNomakosazana Meth.

Uthe iSebe belikhuthaza abantu, ngakumbi abantwana, abantu abadala, kunye nabantu abanezinye iimeko abaphila phantsi kwazo ukuba bafumane isitofu sokugonyela umkhuhlane njengenyathelo lothintelo.

UNdamase wongeze ngelithi ukunxiba iimaski kunye nokuhlamba izandla rhoqo kuyacetyiswa ngoogqirha. “Ngokunxiba iimaski siyazikhusela thina kunye nabanye. La manyathelo ayengenzelwanga kuphela ukunqanda ukusasazeka kwe-COVID-19, kodwa ayasebenza ekunqandeni ukusasazeka kweebhaktheriya.”

UNdamase wongeza ngelithi ukuba abantu abanomkhuhlane ongapheliyo kufuneka babonane nogqirha.

Kwinyanga ephelileyo, iSebe lezeMpilo leSizwe, libongoze uluntu ukuba lufumane ugonyo lomkhuhlane phambi kwexesha lasebusika.
“Ixesha lomkhuhlane kulindeleke ukuba liqale kwiiveki ezimbalwa ezizayo kwaye abantu ngakumbi abo basemngciphekweni omkhulu womkhuhlane (abadala abaneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu (65) ubudala nangaphezulu, abantu abanezigulo zentliziyo, isifo semiphunga kunye nabantu abaphila ne-HIV, isifo sephepha, kunye nabantu abakhulelweyo) kufuneka bafumane isitofu sokugonyela umkhuhlane ukuthintela iingxaki zempilo ezimandundu xa benokuthi bosulelwe yile ntsholongwane.”

Ezinye iimpawu eziqhelekileyo zentsholongwane yomkhuhlane wokuphefumla ziquka, ukuvaleka kweempumlo, ukwehla kumdla wokutya, ukukhohlela, ukuthimla, umkhuhlane, kunye nokuncwina.

Abazali kunye nabo banonophela abantu abanomkhuhlane bayabongozwa ukuba bathathe abantwana babo abanengxaki yokuphefumla, abangaseli manzi ngokwaneleyo kunye neempawu zabo eziba mandundu babase kwiziko lezempilo elikufutshane nabo ukuze bafumane unyango ngaphandle kokulibazisa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA