Ingcaphephe yodumo ithi akukho nto ingalunganga ngesibhengezo samva nje seDA.

IGqiza loLawulo lweBrand Reputation Management, uSolly Moeng, uthi akaboni nto igwenxa kwisibhengezo sonyulo esingundaba-mlonyeni seDemocratic Alliance (DA) esibonisa imifanekiso yokuvutha kweflegi yelizwe.

Umbalisi uthi unyulo lelokusinda kumonakalo oweenzeka kweli lizwe ngumbutho olawulayo weAfrican National Congress (ANC). Ekupheleni kwevidiyo, kukho umfanekiso obuyiselweyo weflegi yoMzantsi Afrika enomxholo weqela eliququzelela unyulo.

UMoeng uthi akukho nto igwenxa kule nto ithethwa yiDA.
“Ilizwe likwisiphithiphithi, ilizwe liyatsha. I-DA iveza eli lizwe, umfuziselo welizwe, elisezintlungwini, izidubedube, livutha. Akukho nto iphosakeleyo ngaloo nto. Ndikhe ndababona abantu bephosa ucalucalulo emva kwiDA, iyinto emhlophe. Bubuvuvu. Ngendenze into efanayo. Ilizwe lisengxakini. Ndicinga ukuba kulungile ukushumayela ukuba ilizwe lisengxakini ngendlela iDA eyenze ngayo,” wongeza uMoeng.

I-DA iye yasikhusela esi sibhengezo, isithi iflegi evuthayo ibonisa imeko yelizwe ngoku.

Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA