ISebe lezeMpilo eRhawutini lilumkisa ngelithi ugonyo lwemasisi eRhawutini nase Tshwane lingaphantsi kwinqanaba lokuthintela uqhambuko.

By Buhle Nomgalasa.

ISebe lezeMpilo eRhawutini lilumkisa ngelithi ugonyo lwemasisi eRhawutini naseTshwane lingaphantsi kwinqanaba lokuthintela uqhambuko.

Esi silumkiso siza emva kokuba isebe lidize ukuba liyenyuka inani lamatyala axeliweyo kweli phondo.

Ngokwengxelo yephepha ndaba iEye Witness, iSebe lezeMpilo eRhawutini lithe amanqanaba okugonya imasisi eRhawutini naseTshwane angaphantsi kwinqanaba elifunekayo ukunqanda uqhambuko. Esi silumkiso siza emva kokuba isebe lidize ukuba liyenyuka inani lamatyala axeliweyo kweli phondo.

Kuqinisekisiwe ukuba alikhulu elinamashumi asibhozo ananye (181) amatyala athe axelwa kweli phondo ukusukela ekuqaleni kuka-2025.

“Ugonyo lwedosi yesibini yesitofu sokugonya imasisi luhleli lungaphantsi kwamashumi asixhenxe anesihlanu ePesenti (75%) eRhawutini naseTshwane, lungaphantsi kakhulu kwinqanaba elifunekayo ukuthintela uqhambuko,” sitshilo isithethi sesebe uMotalatale Modiba.

“Oku kube negalelo ekonyukeni ngokuthe rhoqo kwamatyala, kubandakanywa nabantu ababekhe bagonywa ngaphambili, naphakathi kwabantu abadala.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
70 %
4.1kmh
96 %
Sun
19 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA