UShivambu uthi iNgxelo yobuNtlola yobuxoki emalunga nokubhukuqa uZuma ikhokelele ekususweni kwakhe njengeMKP SG.

By Asemahle Mbete.

UShivambu ubambe indibano noonondaba kwihotele iMhulu eMidrand enika uhlaziyo ngekamva lakhe kwezopolitiko.

Owayesakuba nguNobhala-Jikelele weQela loMkhonto weSizwe (SG), uFloyd Shivambu, uthe ususwe esikhundleni sakhe ngenxa yengxelo yobuntlola yobuxoki ethi ufuna ukubhukuqa inkokeli yombutho, uJacob Zuma.

NgoLwesine, umhla weshumi elinethoba (19) kweyeSilimela 2025, uShivambu ebebambe indibano noonondaba kwihotele iMhulu, eMidrand, eGoli, ukunika uhlaziyo ngekamva lakhe kwezopolitiko.

Ngomhla wesithathu (03) kweyeSilimela 2025, uShivambu ususiwe njengoNobhala Jikelele weqela iMK kwaye waxelelwa ukuba uza kuphinda athunyelwe ePalamente.

IMK ithe unobangela wokususwa kukaShivambu bekungenxa yohambo lwakhe oluya eMalawi apho wayetyelele khona, uShepherd Bushiri.

Nangona kunjalo, uShivambu uthe ayisosizathu sokwenene esi.

UShivambu ukwavakalise ukuba uza kubiza ikomiti eza kuqinisekisa ukuba akukho mfuneko yokuba aseke umbutho omtsha wezopolitiko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.1 ° C
16.1 °
16.1 °
92 %
4.2kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA