20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Isebe lezempilo kuzwelonke lizakutyelela isibhedlele saseBambisana eMpuma Koloni

USekela Mphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ojongene noCwangciso, ukuHlola kunye
uvavanyo, uNksz Pinky Kekana, ekunye noSekela Mphathiswa wezeMpilo, uGqr
Sibongiseni Dhlomo, ngoLwesibini wethoba (9 )kaTshazimpuzi 2024,baza kuqhuba utyelelo
kwisibhedlele saseBambisana kwiPhondo leMpuma Koloni.

Injongo yolu tyelelo kukuhlola inkqubela phambili ngolwakhiwo kunye nohlaziyo lwesi sibhedlele esixabisa izigidi zeerandi. Ekugqityweni kwaso, eli ziko lizakuzingca ngeebhedi ezili ikhulu elinamashumi amathathu anesine (134) kwaye libonelele ngeenkonzo zonyango ezibandakanya i-radiology, umsebenzi wentlalontle, zamazinyo, i-dietetics, zabasetyhini.
impilo, ikhemesti, i-physiotherapy, zokubeleka, zabantwana, kunye nesebe ngaphandle.

Utyelelo lukaSekela-Baphathiswa lukwayinxalenye yemisebenzi yokwakha phambi kokumiselwa nokukhutshwa kwengxelo yophononongo yeminyaka engamashumi amathathu (30) yorhulumente wenkululeko waseMzantsi Afrika.

Ngenxa yezizathu zokhuseleko, amalungu eendaba kufuneka anxibe izihlangu ezivaliweyo ukungena kwindawo yokwakhiwa kwesibhedlele.

Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks