ISebe lezeMpilo licela ukukhuselwa kwaBongikazi kunye nabasebenzi bezeMpilo.

By Buhle Nomgalasa.

ISebe lezeMpilo lihlaba ikhwelo lokuba zonke izandla ezisemagunyeni zikhusele abongikazi kunye nabanye abasebenzi bezempilo, njengoko uMzantsi Afrika uzimanya noluntu lwehlabathi ekubhiyozeleni uSuku lwaMazwe ngaMazwe lwaBongikazi, namhlanje umhla weshumi elinesibini (12) kuCanzibe 2025.

Eli khwelo liza njengoko abongikazi beqhubeleka nokujongana nokuphathwa gadalala ngokwasemzimbeni nangokwezithuko ngelixa besemsebenzini, ngeziganeko zakutsha nje zokukhuthuzwa nokuxhatshazwa ngokwesondo zixelwe kumaziko onyango lokuqala kwilizwe liphela.

Isebe lithe abongikazi badlala indima ebalulekileyo ekunikezeni ukhathalelo lwempilo olusemgangathweni kwaye indawo yokusebenza ekhuselekileyo nenika inkxaso ingundoqo ekuphumezeni iziphumo zezempilo zexesha elide ezifana nokuncitshiswa kokusweleka kweentsana kunye nokubeleka koomama.

Esi sisikhumbuzo sendima ebalulekileyo edlalwa ngabongikazi kungekuphela nje ekunikezelweni kwenkathalo yezempilo kodwa ekwakheni uqoqosho olomeleleyo. Isebe liza kuthatha inxaxheba ekuqalisweni kwehlabathi jikelele kwingxelo ye-World’s Nursing 2025 ngoMvulo, ebanjwe yi-World Health Organization kunye ne-International Council of Nurses.

Othethe egameni leSithethi, uFoster Mohale uthe, “Kungesi sizathu isebe libongoza bonke abachaphazelekayo ekuhlaleni ukuba babambisane norhulumente, ii-ofisi zogcino mthetho kunye nemibutho eyohlukeneyo yasekuhlaleni ukwenza amaziko ezempilo abe ziindawo ezikhuselekileyo ukuze abongikazi bakwazi ukwenza umsebenzi wabo.”

Ngelinge lokunciphisa umthwalo wemisebenzi kunye nokuphucula ukhathalelo, imiselwe ukuba ifune abongikazi abangamakhulu amabini (200) abongezelelweyo njengenxalenye yabasebenzi kwisicwangciso sezempilo sowama-2030, isicwangciso esidityaniswe nokuzinikela kwelizwe kukhuseleko lwezempilo jikelele phantsi kwe-Inshurensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI).

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA