ISebe lezeMpilo zaseMpuma Kapa liyakugxeka ukubulawa kwelungu loNcedo lokuQala.

By Buhle Nomgalasa.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Kapa livakalise umothuko wakhe emva kokubhubha kwelungu labo leCandelo lezoNcedo lokuQala, ngoLwesibini umhla weshumi elinethoba (19) kuCanzibe 2025.

Eli lungu belisele liwugqibile umsebenzi walo wosuku, lagoduka. Emveni koko waya kwivenkile ekufutshane, ze wadutyulwa esanxibe iyunifomu yomsebenzi. Iimeko ezijikeleze esi siganeko azikaziwa.

UMphathiswa ukwathumele amazwi ovelwano koogxa bakhe, izihlobo, nosapho lomfi. Ehlaba ikhwelo kwabomthetho ukuba bangashiyi zimpazamo xa bephanda ngesi siganeko, waphinda wagxeka izehlo zolwaphulo-mthetho ezijoliswe kubasebenzi bethu nakumaziko ezempilo.

Ukususela ngo-2015, iinkonzo zongxamiseko ziye zafumana uluhlu lokuhlaselwa, kwezinye iimeko, abasebenzi baphangwa ngelixa besemsebenzini. Umsebenzi ogama lakhe lingenakuchazwa de kwaziswe isizalwane sakhe usebenze kwisebe iminyaka engaphezu kwamashumi amabini anesihlanu (25).

U-MEC umemelele uluntu ukuba lusebenzisane nesebe, ii-arhente zogcino-mthetho, kunye namanye amasebe karhulumente ekubhentsiseni izaphuli-mthetho eziphembelela ukugrogrisa abasebenzi bethu beenkonzo zikaxakeka. Le yinkonzo ebalulekileyo esindisa ubomi kwaye kufuneka ikhuselwe ngawo onke amaxesha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
43 %
1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA