By Buhle Nomgalasa.
IOfisi kaMongameli uCyril Ramaphosa ithi iyilungele indibano yangoLwesithathu noMongameli waseMelika uDonald Trump nalapho ajonge ukulungisa ngokutsha ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika neMelika.
URamaphosa ufikile eWashington emva kwemini ngoMvulo, isithethi sakhe, uVincent Magwenya, uthe eli lithuba lokuphinda kugxilwe kubudlelwane borhwebo. Wongeze ngelithi ilizwe lifuna kwandiswe izibonelelo zoMthetho wokuKhula kweAfrika kunye namaThuba (Africa Growth and Opportunity Act) kwaye liqhubeke nokuxhamla kuwo.
UMagwenya uxelele iintatheli ukuba uMzantsi Afrika uzakube ukulungele ukucacisa isicwangciso esitsha sobudlelwane borhwebo ukuba izinto ziyatshintsha.

