IPhondo laseRhawutini lilungiselela iingxoxo zomdibaniso emva kokuthotywa kwesininzi kwiANC.

Imibutho yezopolitiko ilungiselela iingxoxo zomanyano emva kokuba umbutho weAfrican National Congress (ANC) wehle ngaphantsi kwe50% kuvoto, eRhawutini.

Lo mbutho, okhokele iphondo laseRhawutini ukusukela ekuqaleni kweDemokhrasi, ufumene iivoti ezingamashumi amathathu anesihlanu eepesenti ekhulwini (35%), iivoti ezikude kakhulu kulonyulo luka-2019 nalapho lafumana i50.2%.

Iingxoxo neANC malunga nekamva lephondo kufuneka ziqale emva kwendibano yanamhlanje yeKomiti eLawulayo yeSizwe.

Amaqela ezopolitiko ayavuma ukuba azakusebenzisana namaqela acinga ngokufanayo nanjengoko kulindeleke ukuba kubanjwe iingxoxo phakathi evekini.

Ngelixa iimfuno zisaza kulungiswa ngamaqela amancinane phambi kokungena kwiingxoxo zomdibaniso, amanye amaqela akholelwa ukuba ukwabelana ngezikhundla kuya kuba yeyona nto iphambili ekumiseleni.

I-Patriotic Alliance (PA) ifumene izihlalo ezibini kwiNdlu yoWiso-mthetho yaseRhawutini. Umgqatswa oyinkulumbuso ye-PA uKenny Kunene uthi, “Besisoloko sikuvotela ukuba ube yiNkulumbuso, uSodolophu okanye uMongameli, kufuneka sabelane ngolawulo. Lo nto ithetha ukuba sabelane ngeepotfoliyo, nto leyo ethetha ukuba xa siphakamisa ezo ngxoxo, siyakuthi emva koko siphakamise umbuzo malunga nezikhundla zoMphathiswa wePhondo, izikhundla ekufuneka zabelwe iPatriotic Alliance.”

I-Action SA ine-4% kuphela yeevoti kwiphondo kwaye umbutho omtsha woMkhonto weSizwe (MK) uthabathe indawo yesine.

Umgqatswa oyinkulumbuso ye-Action SA, uFunzi Ngobeni uthi, bayababulela kubantu abathe babavotela kuzwelonke nakwiphondo. Ngokubhekiselele kumfelandawonye, ​​bayinxalenye yoMqulu wamaqela ngamaqela kwaye leyo yingongoma yabo yokuqala. Isizwe kufuneka sihlangane kusuku olulandelayo okanye kwintsuku ezimbini.

Kusenjalo, zisaqhubeka iingxoxo phakathi kwamaqela aquka iDemocratic Alliance, ukuhlahla indlela eya phambili.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
31.3 ° C
31.3 °
31.3 °
31 %
1.7kmh
90 %
Thu
31 °
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
20 °
Mon
26 °

EZITHANDWAYO INDABA