18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

USodolophu weSithili soMasipala waseAmathole undwendwele iingingqi ezithe zachazeleka zizikhukula zeemvula.

USodolophu woMasipala weSithili saseAmathole (ADM) uAnele Ntsangani utyelele kwilokishi yaseSiviwe ngomhla wesithathu (0)3 kweyeSilimela 2024. Oku kusemva kokuchaphazelwa kwalomasipala zizikhukula zemvula enkulu phakathi komhla wokuqala (01) ukuya kowesibini (02) kuleyeSilimela inyanga 2024. 

Le lokishi yaseSiviwe, ephantsi komasipala waseGreat Kei, yenye yeendawo ezininzi ezithwaxwe yimvula enkulu ezichaphazele iintsapho ezininzi zishiya izindlu ezitshatyalaliswe zizikhukula. USodolophu Ntsangani ekunye negqiza laseGreat Kei LM elikhokelwa nguCeba wakwaWadi 7 uZola Tshali, batyelele iintsapho zalelokishi ukuze bahlole ubungakanani bomonakalo.

USodolphu uye wabhengeza ukuba ungenelelo olungxamisekileyo luthunyelwe kumakhaya achaphazelekayo, amanye awo ebesahleli bezama ukukha amanzi amileyo ezikhukula ngaphakathi kwamakhaya abo.

Uvavanyo olongezelelweyo lwenziwe e-Kei Mouth apho bekukho umonakalo weziseko ezingundoqo zeendlela zangaphakathi.

Kwangolu suku lunye, umasipala wengingqi i-Amahlathi ibingowesihlanu kwabathandathu abathe bachaphazeleka kulandela izantyalantyala zemvula eziqale phakathi komhla wokuqala (01) kweyeSilimela kunye nowe-02 kuJuni ngo-2024. Umonakala oxeliweyo ukwindawo yaseThembeni, eMlungisi kunye nelali yaseNgqanda. Iintsapho ezintlanu (5) zishiyeke zingenamakhaya nto leyo ebangele inani lemizi echaphazelekayo ukuza kuthi ga ngoku liyokuma ku-28.

Amasebe ahlukeneyo namacandelo abalulekileyo alo masipala, icandelo lezoshishino kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente yenziwe isebenzisane kunye neZiko loLawulo lweeNtlekele kwiPhondo ukuze kungenelelwe ngokungqinelana neemfuno zoluntu ezichatshazelwe kakhulu njengobonelelo lweeYunithi zokuhlala zethutyana (TRUs),inkxaso yengqondo nentlalontle kunye neengubo kunye nokutya.

 

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks