ISehlo esenzeka kwindawo yentselo i-Enyobeni sibhenele ekuqalekeni kwamaphulo amaninzi kunye nohlenga-hlengiso ukukhusela abantwana abaselula.

By Lilitha Phenduka.

Ngokwengxelo yeBhodi yoTywala (ECLB), le migaqo ijolise ekomelezeni nokukhuthaza urhwebo lotywala olunenkathalo kwiphondo liphela ngokuyila inkqubo-sikhokelo elungelelanisiweyo yokukhutshwa kwamaphepha-mvume, ukubeka iliso kwakunye nokunyanzeliswa kokuthengiswa kotywala kwiphondo leMpuma Kapa.

Upapasho ludiza ukuba ingqonyela yebhodi, uGqirha Nombuyiselo Makala ugxininise ukubaluleka kolu tshintsho lolawulo, esithi ukwaziswa kwale migaqo mitsha kubonisa ukuzibophelela kwabo ekuqinisekiseni ukuba ukushishina ngotywala eMpuma Kapa kuqhutywa ngendlela ethembekileyo nethobelayo kwaye olunye utshintsho lukhulu lubandakanya ukudityaniswa kweemfuno zikamasipala kwinkqubo yokukhutshwa kwamaphepha-mvume otywala.

Abafaki-zicelo bamaphepha-mvume okuthengisa utywala ngoku kufuneka bafumane iimvume kumasipala, iziqinisekiso zabemi, kwaye babambelele kwimigaqo yokusebenza kwamashishini asekuhlaleni. Oko kukuqinisekisa ukuba inkqubo ihambelana neemfuno ezibanzi zoluntu kunye nezicwangciso zedolophu.

Ukongeza, inkqubo yokuqinisekisa iminyaka nayo yomeleziwe. Zonke iindawo ezithengisa utywala ezibhalisiweyo ngoku kufuneka ziphumeze amanyathelo asisinyanzelo okuqinisekisa ubudala, ukuthintela ukusela kwabantu abangaphantsi kweminyaka yobudala.

La manyathelo aquka uqwalaselo lokuchongwa phambi kokuthengiswa kotywala kumnyango wezakhiwo.

Eli nyathelo lihambelana nenjongo ebanzi yokukhuthaza ukusela ngendlela efanelekileyo kunye nokukhusela abantwana abasebancinane.

Kwinguqu enkulu yezemali, i-ECLB ivakalise ukunyuka kweentlawulo zelayisensi, ukulungiswa komrhumo wokuqala kwiminyaka elishumi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA