By Buhle Nomgalasa.
ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa lityala imali ezizigidi ezingamashumi amathandathu anesine (R64m) eerandi yokwakha iziko elikumgangatho ophezulu lecandelo leCerebral Palsy Centre of Excellence kunye nolwandiso lwewadi yabasebenzi ngelizama ukunqanda ukuxhaphaka kwamabango omthetho.
Le projekthi iza kubandakanya uphuculo olungxamisekileyo lwecandelo lokhuseleko kunye nokwandiswa kweyunithi yokubelekisa, iibhedi ezongezelelweyo kunye namagumbi okubonisana. ICandelo lokubelekela eDora Nginza liphantsi kovavanyo emva kokuvela kwemifanekiso yabasetyhini abakhulelweyo belele phantsi belindele ukubeleka. Kwesinye isiganeko esithathe ingqalelo yoluntu, kuxhwilwe iintsana ezimbini ewadini baze bafunyanwa kwiiyure nje ezimbalwa emveni koko.
Kule minyaka ilishumi idlulileyo, isebe lezempilo ephondweni lijongene namatyala anxulumene nabantwana abazalwa benenengtxaki yobuchopho ngenxa yezityholo zokungakhathali esibhedlele ngethuba bebeleka, namabango axabisa ngaphezulu kwe-R40 yebhiliyoni zeerandi athe afakwa kweli sebe. La mabango abeneziphumo ezibi kakhulu kwezemali kwiinkonzo zempilo, nalapho isebe lihlala liphelelwa yimali yeminye imiba yezempilo efana namayeza kunye nezixhobo zokusebenza.
UMphathiswa wezeMpilo uNtandokazi Capa ubhengeze izicwangciso zala maziko matsha ngethuba enikezela ngeprojekthi konokontraka ngoLwesibini, esithi isebe lakhe liqulunqe isicwangciso-qhinga sokuseka amaziko akumgangatho ophezulu azakuthi abonelele ngokuthe ngqo uncedo lwezonyango kubantwana abazalwa benokukhubazeka ebuchotsheni.
“La maziko aza kwakhiwa kwezinye iindawo zezibhedlele ezicwangcisiweyo ezifana neMadzikane kaZulu Memorial Hospital KwaBhaca, Nelson Mandela Academic eMthatha, Cecilia Makiwane eMdantsane, eGcuwa, Frontier eKomani, isibhedlele iAliwal North eMaletswai, eUitenhage Provincial eKariega, neSt Andries Vosloo.
Siyazi sonke ukuba isebe belijongene namatyala aliqela kwaye sikhe saya ezinkundleni sisithi sifuna ukuba nenye indlela yokuzithethelela,” utshilo uCapa.
“Kunokuba sibhatale isixa kwabo basonileyo, sibonelela ngenkonzo eyaneleyo yokuqinisekisa ukuba asisiwa ezinkundleni. “
“Kungoko siza kuthetha nakwisebe lokuhlaliswa koluntu ngelithi singabanika izindlu abo sibaphathe kakubi, kwaye siyayilungisa le nto nonondyebo.
“Iziko eliza kusekwa kwibhloko A no-B kwesi sibhedlele liza kubonelela ngokhathalelo olubanzi, lwezifundo ezahlukeneyo kubantwana abakhubazekileyo ebuchotsheni. Lo msebenzi udibeneyo ujolise ekwandiseni iziphumo zesigulane, ezinokuthi zinciphise ubunzima bokukhubazeka kunye nokuphucula umgangatho wobomi.”
“Ngokunikezela ngokhathalelo olukumgangatho ophezulu, olukhethekileyo, isebe liya kubonisa ukuzibophelela kwezona zinto zilungileyo, ngaloo ndlela linciphisa iimeko zokungakhathali kwezonyango kunye nokomeleza ukhuseleko lwalo kumabango asemthethweni ezonyango.”
UCapa uthe kukho imiba emalunga necandelo lokubelekisa abathe bayifakela le projekthi.
Sikwabeka phambili imiba ephakanyiswe ngumkhuseli woluntu kwixesha elidlulileyo. Bazakuba yinxalenye yephakheji njengoko sisiya phambili.”
UCapa uthe eli ziko liza kugxila ikakhulu kukhathalelo emva kokubeleka kwaye liqhubele phambili ukuphuculwa kweendlela zokukhathalela impilo kamama nomntwana esibhedlele, ngenjongo yokunciphisa izehlo zokwenzakala kwasekuqaleni.

