IMpendulo yeSAPS kuqhankqalazo lwaBafundi ngokuKhululwa komrhanelwa uMampane.

By Asemahle Mbete.

INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika iyalivuma uqhanqalazo lwabafundi oluqhubeka kwiDyunivesithi iWalter Sisulu kwiKhampasi yaseMthatha, malunga nokukhululwa komrhanelwa oyanyaniswa nokubulala umfundi.

Siyaluqonda unxunguphalo olunzulu olubangelwe leli tyala kuluntu lweDyunivesithi.

I-SAPS ikhuphe ingxelo iqinisekisa ilungelo elikumgaqo-siseko loqhankqalazo olunoxolo (iCandelo le-17) kodwa igxininisa igunya layo lokuqinisekisa ukhuseleko loluntu, ukukhusela iziseko ezingundoqo, kunye nokuthobela umthetho ngaphandle kokuphazamisana nokuzimela kwenkundla.

“Ukukhululwa komrhanelwa kwayalelwa yinkundla phantsi kweenkqubo zomthetho eziqhelekileyo. I-SAPS ayinagunya kwizigqibo zenkundla. Uphando lokubulala luhlala lusebenza, lubekwe phambili, kwaye
Lusaqhuba. Siyaqhubeka nokusebenzisana ngokusondeleyo neGunyabantu leSizwe loTshutshiso (i-NPA) ukulandela ubulungisa kusetyenziswa iindlela zomthetho.”

“Siyazigxeka izenzo ezixeliweyo zokonakalisa, ukutshisa, ukuvalwa kwendlela, okanye ukoyikisa. Ulwaphulo-mthetho olunjalo luphambukisa izixhobo ezibalulekileyo kuphando kwaye lujongela phantsi ukulandelwa kobulungisa. Amacandelo ocwangco lukawonke-wonke asetyenziselwe ukuququzelela ukuchasana ngoxolo ngelixa ekhusela ubomi kunye nepropathi.”

Umkomishinala obambeleyo wephondo leMpuma Kapa uMajor General Thandiswa Kupiso uthe, “Sibongoza ukuba kubekho inzolo njengoko sivumela iinkqubo zomthetho ukuba zenzeke. UMaj Gen Kupiso ubhenele kubafundi ukuba bahloniphe inkumbulo yexhoba ngeendlela ezakhayo, ezingenabundlobongela.

Kungoku nje bathathu abafundi ababanjiweyo kwaye baza kujongana nezityholo zobundlobongela esidlangalaleni, ukonakaliswa kweziseko ezingundoqo kunye nokonakalisa impahla.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15 ° C
15 °
15 °
86 %
4.4kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA