17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Isibindi sokukhuthuza umtu sele efile!

Isibindi sokukhuthuza umtu sele efile! zayaphi iintloni nobuntu?

Umkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uNjengele Nomthetheleli Mene ukhale ngokubhubha kwepolisa kwingozi eyenzeka eMotherwell eGqeberha kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

Amapolisa athi uNjengele -Colonel Sandila Matam nobeneminyaka engamashumi amahlanu ananye(51) ubudala, ebeqhuba kwisitalato iTyinirha kwicala levenkile ngezithuba zentsimbi yenesithandathu kusasa(6am) ngethuba imoto yakhe ingqubana neToyota Quantum kwisangqa sezendlela.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi eligosa libhubhele kwindawo yexhwayelo kwaye umqhubi weQuantum ubanjelwe ukuqhuba enxilile kunye nokubulala ngokungenanjongo.

Ukanti kuthe ngelixa amapolisa exakekile luphando lwendawo yolwaphulo-mthetho, kwafunyaniswa ukuba umpu weli polisa we-9mm ubiwe.

Kwavulwe ityala lokubiwa kompu ukuze kuphandwe. Kusenjalo, indoda enamashumi amathathu ananye ubudala iseluvalelweni izakuvela kwinkundla kamantyi yaseMotherwell ngoMvulo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks