Isibindi sokukhuthuza umtu sele efile!

Isibindi sokukhuthuza umtu sele efile! zayaphi iintloni nobuntu?

Umkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uNjengele Nomthetheleli Mene ukhale ngokubhubha kwepolisa kwingozi eyenzeka eMotherwell eGqeberha kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

Amapolisa athi uNjengele -Colonel Sandila Matam nobeneminyaka engamashumi amahlanu ananye(51) ubudala, ebeqhuba kwisitalato iTyinirha kwicala levenkile ngezithuba zentsimbi yenesithandathu kusasa(6am) ngethuba imoto yakhe ingqubana neToyota Quantum kwisangqa sezendlela.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi eligosa libhubhele kwindawo yexhwayelo kwaye umqhubi weQuantum ubanjelwe ukuqhuba enxilile kunye nokubulala ngokungenanjongo.

Ukanti kuthe ngelixa amapolisa exakekile luphando lwendawo yolwaphulo-mthetho, kwafunyaniswa ukuba umpu weli polisa we-9mm ubiwe.

Kwavulwe ityala lokubiwa kompu ukuze kuphandwe. Kusenjalo, indoda enamashumi amathathu ananye ubudala iseluvalelweni izakuvela kwinkundla kamantyi yaseMotherwell ngoMvulo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA